USuperSport uqaqambisa italente yabantwana emidlalweni yezikolo!

Imidlalo yezikolo ifumene ufunqu kwakhona eMzantsi Afrika nakwizwekazi le-Afrika liphela. Oku kwenzeka emva kokuba uSuperSport etyale imali kwinkqubo yophuhliso lwemidlalo ezikolweni ngokuthi afumane amalungelo okusasaza imidlalo yezikolo. Eminyakeni eyadlulayo, imidlalo yezikolo yayifudula ihamba phambili kwicala lokuvelisa abadlali eMzantsi Afrika. Kodwa ngenxa yokunqongophala kwenkxaso kwicala lezimali, imveliso yabadlali ezikolweni iye yehla. Ungenelelo lukaSuperSport luthetha ukuthi imidlalo yezikolo iza kubuyela endaweni yayo.

Njengokuba uSuperSport eyithathele kuye imidlalo yezikolo, oko kuthi imidlalo yezikolo iza kusasazwa ngqo kumabonakude kusetyenziswa ubuchwephesha bale mihla obusemgangathweni ophezulu. Ngokwenza njalo, abadlali abanetalente bakubonwa ngokukhawuleza ngamaqela akhengela italente. Ingqonyela kaSuperSport, uMnu. Marc Jury, ithe nasiphi na isizwe esifuna impumelelo kufuneka siqhube kakuhle kwicandelo lezemidlalo.

“Eli velatanci yinxalenye yoxanduva lwethu lokuqinisekisa ukuba senza eyethu indima njengokuba kuzanywa ukuveliswa amaqhawe angomso. Imidlalo yezikolo sisiseko ekwakhiwa phezu kwaso ngamazwe aqaqambileyo kwezemidlalo,” utshilo uMnu. Jury, emva kokuphehlelela iphulo elitsha ekuthiwa nguSuperSport Schools.

UKapteni weqela lesizwe lomnyazi, uBongiwe Msomi noLukhanyo Am, odlalela iCell C Sharks neSpringbok, baza kuba ngoonozakuzaku beSuperSport Schools ngoba bangabanye babadlali abaphambili, ngokwahlukana kwemidlalo yabo, abaveliswe yimidlalo yezikolo. USuperSport uqhogene nesebe leZemidlalo kwiphondo leMpuma Koloni elinethemba lokubhencwa kwetalente ngakumbi eyabantwana abasezilalini.

UMphathiswa weZemidlalo kwiphondo leMpuma Koloni, uNksz. Fezeka Nkomonye, uzamkele ngovuyo iindaba zokungenelela kukaSuperSport emidlalweni yezikolo ngoba kuza kutsho kugqaba nabantwana basezilalini abasezindaweni esihlelelekileyo.