UTemba Bavuma ugxeleshe impumelelo kwiT20 World Cup ezayo

UTemba Bavuma nguKapteni weqela lesizwe leqakamba loMzantsi Afrika. Umfanekiso: Samuel Shivambu/BackpagePix

UKapteni weqela lesizwe leqakamba, uTemba Bavuma, ugxeleshe indebe njengokuba uMzantsi Afrika ulungiselela ukuthatha inxaxheba kwitumente (T20 World Cup) ebekelwe inyanga yeDwarha kulo nyaka. Iqela likaBavuma, onikwe uxanduva lokukhokela uMzantsi Afrika kulo nyaka, unethemba lokuba iProteas iya kukwazi ukubetha amazwe amakhulu kwitumente eza kudlalelwa e-Abu Dhabi. UMzantsi Afrika uthelekiswe noomanqanqa kwiqakamba abafana ne-Australia, iWest Indies neNgilane. Unethuba elide kakhulu uMzantsi Afrika ungakwazi ukuphumelela indebe kwiitumente zehlabathi ngenxa yeengxaki ezondeleyo kwiqakamba yelizwe. Wona uMzantsi Afrika wagqibela ukufumana indebe ngo-1998 ngethuba uphakamisa indebe ye-ICC Knockout Cup.

Ukusukela ngoko, iinzame zawo ziwe phantsi amatyeli aliqela. Kodwa iProteas iza kufumana elinye ithuba phantsi kukaTemba Bavuma ozimiseleyo ukuguqula izinto. Ethetha emva kokuthelekiswa kwamaqela, uBavuma uthe: “Amaqela esithelekiswe nawo enza umdla. Wonke umntu unomdla ngoba sizimisele ukudibana nokuba leliphi iqela kwaye sizimisele ukuya emdlalweni wokugqibela wetumente,” utshilo uBavuma emva kothelekiso lwamaqela. “Siliqela elidlala kakuhle elikhuliswa ngabadlali abanetalente nabanamava abenza umsebenzi omhle wokunceda abasafikayo kwiProteas. Sesichithe ixesha elide silungiselela iT20 World Cup.

“Kum kukhulu ukukhokela iqela kwitumente enje futhi sizimisele ukwenza into engazange yenzeke ngaphambili kwiqakamba yaseMzantsi Afrika,” utshilo uBavuma, owanyelwa emva kokubethwa kweProteas kwichungechunge lwemidlalo yeT20 International Series. Emva koko, uBavuma ukhokele uMzantsi ophumelele ngo’3-2 udlala neWest Indies kwiT20. Phambi kokuya kwiT20 World Cup, uMzantsi Afrika uza kudlala imidlalo yokucweya neSri Lanka. Abadlali nabaqeqeshi boMzantsi Afrika kufuneka balibale ngeengxaki zeqakamba ezibhentsiswa kwikomoshini ekhokelwa nguMnu. uDumisa Ntsebeza ekulindeleke isonge umsebenzi wayo kwiiveki ezizayo.