UThabo Rakhale uthi bakulungele ukufela edabini

Mxolisi Macuphu of Chippa United and Thabo Rakhale of Chippa United during the Absa Premiership 2017/18 game between Chippa United and Ajax Cape Town at Nelson Mandela Bay Stadium, Port Elizabeth on 15 April 2018 © Deryck Foster/BackpagePix

IChippa United
ijongene nomdlalo onzima kule mpelaveki. Eli qela laseMpuma Koloni liza
kwamkela iSuperSport United kumdlalo we-Absa Premier Socccer League okulindeleke
ube nzima kakhulu eSisa Dukashe Stadium ngentsimbi yesithathu ngoMgqibelo.
Omnye wabadlali beChippa United ekulindeleke babe nefuthe emdlalweni nguThabo
Rakhale. Le ndodana yaseSebokeng, eGoli, idlala kakuhle kakhulu. Izibonakalise
ngethuba iChippa United ihlaza iKaizer Chiefs ngamagowuli amathathu eqandeni
(3-0) eFNB Stadium kwiiveki ezimbalwa ezidlulileyo. URakhale, 28, uthembisa
abalandeli bebhola eMpuma Koloni ukuba baza kwenza ngako konke okusemandleni
wabo [bengabadlali] ukuze iChippa United ivale isizini ka-2017/18 isendaweni
endilisekileyo.

Amatsatsantsa
a Pitori eza eMonti enyathelela phezulu futhi imimoya yabadlali iphezulu emva
kokuba ebethe iFree State Stars ngo’3-2 kumdlalo obungoLwesithathu kule veki. Umqeqeshi
weSuperSport United, uKaitano Tembo, uza kwiChippa enoxinizelelo futhi efuna
ukuqinisekisa ukuba iqela lakhe liphepha izembe ngokupheleleyo nokungena kwiTop
8 ngokufanayo neeChilli Boys. Uvakele ezithembile uRakhale xeshikweni ethetha
neentatheli izolo. Lo mdlali othandwa kakhulu ngabalandeli, uthe abantu
mabathobe amaxhala ngoba bazimisele ukufela edabini. “Siwujonge ngamehlo abomvu
umdlalo. Ukuzothi ga  ngoku, ndingathi
siqhube kakuhle kwaye siyazi ukuba iSuperSport iza kuthi inamandla emva
kokuphumelela umdlalo wayo ogqithileyo. Sizimisele ukuwuphumelela umdlalo,”
utshilo uRakhale.

URakhale wafika
kwiChippa United ekupheleni konyaka ophelileyo (2017) emva kokungafumani
kakuhle ithuba lokudlala phantsi kukaMilutin Seredojevic kwi-Orlando Pirates.
Indlela adlala ngayo uRakhala ibuyele esiqhelweni nangona kubenzima ukuhlangana
kakuhle nabanye abadlali ekuqaleni kwakhe kwiChippa. Ngoku ulelinye lamasoja
[uRakhale] athembekileyo kaVladislav Heric. “Siyiqhelile ngoku indlela
umqeqeshi afuna sisebenze ngayo. Ungayibona lo nto kwindlela esidlala ngayo.
Kulula kakhulu ukusebenzisana naye kwaye wonke umntu wonwabile. Izinto
ziyaphucuka noko futhi nam ndidlala kakuhle apha,” utshilo uRakhale.

Nangona ukufumana
ithuba lokudlala kwiPirates ibiyeyona nto ebenokuyithanda uThabo Rakhale –
kodwa ngoku uthi uyakonwabela ukudlalela iqela laseMpuma Koloni futhi ngeke
akhale nokuba kuthiwa makahlale kwiChippa United. Le ndedeba ithathe ithuba
yacacisa ngeyona nto ebeyingxaki eqeleni kule sizini, ngakumbi kule midlalo
idlulileyo. “Ewe, ndingakwamkela ukuhlala kwiChippa United ngoba ndiyadlala
kuyo. Wonke umntu wandamkela apha kwaye ndiziva ndisekhaya. Ngoku into
endiyinqwenelayo kukubona iChippa ingene kwiTop 8. Indlela esidlala ngayo
iyathembi ukuba singayenza lo nto. Into eyingxaki kuthi ngoku
kukungawasebenzisi kakuhle amathuba. Sifumene amathuba amaninzi ngokuya
besidlala ne-Ajax Cape Town – kodwa asikwazanga ukuwasebenzisa.
Emva siqhuba kakuhle. Ndiqinisekile ukuba siza kungena kwiTop 8. Umoya
wabadlali uphezulu kwaye sifuna ukuvala isizini kakuhle,” uvale ngalo mazwi
uRakhale.