Abalandeli bebhola bothuke baphants’ ukuwa ngethuba besiva iindaba ezithi uumqeqeshi
Emalanga namhlanje, igqonyela yeSuperSport United, uStan Matthews, ubhengeze uTinkler njengomqeqeshi omtsha weqela lakhe. UTinkler ungena endaweni kaStuart Baxter oxhakamfule ithuba lokuqeqesha iBafana Bafana kwinyanga ephelileyo. Akukho bani obecinga ukuba uTinkler angathatha isigqibo esinje emva kokunceda iCitizens efumene iTelkom Cup yavala nesizini ikwindawo yesithathu kwiPSL kwisizini yayo yokuqala.
“Khange kundisokolise ukuza kwiSuperSport ngoba liqela elineenjongo eziphakamileyo – baphumelele iindebe zePSL kaninzi. Ndatsho kwangaphambili ukuba ndingumntu ofuna ukukhula. Ndifuna ukuphumelela iindebe mna kwaye ndifuna ukuzibona ndisenza lo nto ke,” uvale ngaloo mazwi uTinkler.
Ethetha neentatheli, uMatthews uthe ngeke kubekho ngxaki kwesi sivumelwano ngoba senziwe ngomoya omhle.
“Eyethu into ithe ngqo kunaleyo kaLuc Eymael (umqeqeshi wePolokwane obenuna ukuqeqesha iBloem Celtic – kodwa othe wathintelwa). Emva kokugqitywa komba wokuya kukaStuart Baxter kwiqela lesizwe, siye sanentlanganiso nosihlalo nebhodi elawulayo – apho sathetha ngamagama wabaqeqeshi onokuza apha. Igama likaTinkler laliphakathi kwaloo magama,” utshilo uMetthews.
UTinkler uza kwiSuperSport emva komsebenzi oncomekayo awenze kwiCitizens ayiqale ekuqaleni emva kokuba uComitis wathenga iMpumalanga Black Aces kunyaka ophelileyo.
IPirates idibana neentanga zayo namhlanje kwiMTN8, utsho uSage Stephens!