UTinkler ufuna shushu iConfederation Cup!

Impumelelo ayizuze kutshanje * -Eric Tinkler imchewule, ngoku uthi ufuna e-Afrika. UTinkler yindoda engazibandeziyo kwaye eyaziyo kakuhle into eyifunayo ebomini bayo. Ukushiya kwakhe iCape Town City awayeqhuba kakuhle kuyo kwadala ingxoxo ngalo mqeqeshi – kodwa yena uTinkler wathi isigqibo sakhe sihambelana ncakasana nokukhula nempumelelo ayifunayo njengomqeqeshi. Emva kokuthatha iMTN 8, ngoku abadlali beSuperSport United babeke iliso labo kwiCaf Confederation Cup abasecicini lokuzenzela imbali kuyo. Amatsatsantsa a Pitori ziintshatsheli zeMTN 8 emva kokubetha iCape Town City ngo’4-2 eMoses Mabhida Stadium kwiveki ephelileyo.

Ngokutsho kwakhe uTinkler, basanyel’iintambo ngokuphumelela iMTN 8 ngoba eyona bayifunayo yileya yeCaf. ISuperSport idibana neClub African kumdlalo weConfederation Cup wesibini okulindeleke ube nzima. Kunyanzelekile iqela lasePitoli liphumelele emva kokuba la maqela athi abambana ngo’1-1 kumdlalo wokuqala apha eMzantsi Afrika. Ukudlalela eTunisia yinto enzima – kodwa uTinkler nabadlali bakhe bayakwazi okulindelekileyo kwimidlalo efana nale baya kuwo kwaye ukusebenza ngokuzinikela yeyona nto eyakuthi ibancede kude nekhaya.

“Nditshilo kubadlali ukuba kufuneka bayiqhele impumelelo. Kufuneka siyinxanelwe impumelelo ngamaxesha onke. KwiConfederation Cup kulapho udibana khona noompondo-zihlanjiwe. Ndiyathemba sakuyifumana impumelelo eTunisia. Yeyona ndebe ndiyifunayo leya,” utshilo uTinkler. Emva kokudlala indima ebalulekileyo kwiMTN 8, ngoku uRonwen Williams kulindeleke ukuba ancede eli qela kwimidlalo ye-Afrika. Yonwabile le ndedeba yaseBhayi emva kokuphumelela iindebe ezifana neTelkom, iNedbank neMTN8 – ngoku ifuna indebe yeCaf nokudlala kakuhle kwiqela lesizwe. “Indebe yePSL iyeza, ndiyayiva iyanuka – kodwa ngoku ndifuna eyeConfederation,” utshilo uWilliams.

“Ndicinga izinto ziseza kujika kwiBafana. Ewe, izinto azindihambeli kakuhle kwiBafana – kodwa andizimiselanga kunikezela,” utshilo uWilliams.