UTshabalala no-Oupa Manyisa baxhokonxana esidlangalaleni

Ookapteni bamaqela amakhulu uSiphiwe “Shabba” Tshabalala weKaizer Chiefs no-Oupa Manyisa we-Orlando Pirates baxhokonxene esidlangalaleni ngethuba kuphehlelelwa ngokusesikweni iCarling Black Label Champion izolo ePark Station, eGoli.

Umhla wamashumi amathathu kwinyanga yeKhala lusuku olubekelwe umdlalo weenkunzi zaseSoweto eFNB Stadium. UManyisa obuyele ebholeni kutshanje emva kokukhonkxwa ngumonzakalo ixesha elide uthe iChifes mayilindele ukohlwaywa kwakhona kulo nyaka.

Ukusukela mhla lasungulwa olu khuphiswano iPirates iphumelele izihlandlo ezine,lo gama iChiefs iphumelele kanye qha. “Endingakuthembisa abantu kukuba iChiefs ifanelwe yinduku kwakhona, hayi okunye. Bayayazi ukuba sihlala sisenza njani kwiCarling Black label,” utshilo uManyisa.

Eziphendulela uTshabalala utyhole uManyisa ngokuvuyela ukuphumelela ngamapenela kodwa ungukaputeni weqela elikhulu, utshilo uShabba.

Abadlali babuzwe eyona nto ibalulekileyo ngalo mdlalo njengokuba uyingabula zigcawu phambi kokuvulwa kwesizini. UManyisa uthe, ubaluleke ngokuba ngowona mdlalo usezintliziyweni zabalandeli phambi kokuvulwa kwesizini entsha. “Siyalibulela eli thuba lisinikwa ngabalandeli ngokuthi basivotele. Ngumsebenzi wethu ukuqhubela phambili nokubetha iChiefs njengesiqhelo,” utshilo uManyisa.

Lo mdlalo ngowona abalandeli bezi zangxa zaseSoweto abaziphulula ngawo amanxeba xa amaqela evale isizini engenanto esandleni. Amakhosi azofinca isizini ka’2015/16 engenyo nenye indebe ngoba eyePSL kubonakala ngathi iya ePitoli kwiMamelodi Sundowns edlala ne-University of Pretoria.

“Siwubona njengethuba lokubethelela amagama ethu kumqeqeshi. Abathi bazokusibetha balungile kodwa ngeke sivume kweli tyeli,” utshilo uTshabalala.

Bonke abadlali abadlali kolu khuphuswano bazovotelwa ngabalandeli kunye nabaqeqeshi abazokuncediswa nguSteve Komphela no-Eric Tinkler.