UVusani uthi likhaya lakhe iChippa

Umlandeli weChippa United uSiseko Vusani

Umlandeli omkhulu weChippa United uchubela I’solezwe ngendlela yakhe neli qela lizinze eBhayi. Le ndedeba ixelele eli phephandaba ezona zinto zibalulekilyo ngamasebe wabalandeli.

Pedro Mapelo: Siyakwamkela Mhlekazi kweli phephandaba.

Siseko Vusani: Ndiyabulela kakhulu Bhuti. Igama lam ndinguSiseko Vusani waseZwide, eBhayi.

PM: Khawuqhayise, yintoni emnandi apha kwiChippa United?

SV: Yoh..Likhaya kum iChippa. Kumnandi kakhulu kweli qela, usihlalo (Mnu.Siviwe Mpengesi) weChippa United usixhasa ngokupheleleyo. Ibhola edlalwa ziiChilli-boys inomtsalane – kwaye nasekhaya bakhala ngokuba ngokuthinjwa kwam yiChippa.

PM: Eyona nto yakutsalayo apha kwiChippa, yintoni?

SV: Yiyo kuphela esinayo kweli phondo kwiPSL. Ekufikeni kwayo ndabona kufanelekile ukuba ndiyinike inkxaso . Ndayibona njengekhaya lethu emva kokuhamba kwamanye amaqela.

PM: Yintoni ebalulekileyo ngamasebe abalandeli?

SV: Sifumana ithuba lokuxelela abantu ngeChippa United. Sifumana ithuba elihle lokubekana endleleni eyiyo yobomi singabalandeli. Zininzi ke nezinye izinto esincedana ngazo.

PM: Uziva njani ngokukhubeka kweChippa kwimidlalo embalwa edlulileyo?

SV: Hayi, ayindixhalabisi lo nto ngoba injongo yethu kukudlala kakuhle kwimidlalo yePSL. Yeyona nto ibalulekilyo kuthi leyo.

PM: Kutheni bengayi abalandeli amabaleni?

SV: YahZininzi izinto ezingunobangela. Kule mihla ubuchwephesha nebhola edlalwa ngamaqela yahlikile kuleyo yakudala – ziyayiqhokra ke ibhola.