UWawrinka noMurray baqhube kakuhle kwiFrench Open

Abadlali abaphambili kwintenetya uStan Wawrinka no-Andy Murray badlulele kwimidlalo ephambili, kwaye yandulela amagqibela kankqoyi kwiFrench Open emva kokuqhuba kakuhle kwimidlalo yabo.

UWawrinka ubethe iViktor Troicki waseSebhiya ngo-7-6(5); 6-7(7); 6-3 6-3. Kanti yena uMurray uphumelele ngo-7-6(9); 6-4 6-3 ebetha uJohn Isner.

Ngoku uMurray kulindeleke adlale noRichard Gasquet onguye yedwa umdlali wentenetya ophumelele umdlali ngendlela emangalisayo eCourt Philippe Chatrier ngo-6-4 6-2 4-6 6-2 ebetha uKei Nishikori waseJapan. UGasquet, 29, uwe phantsi emva komsebenzi onzima ombeke endaweni yesibhozo kwiGrand Slam. “Abalandeli babeke uxinizelelo ngokukhwaza igama lam.

Lo nto yenze kwanzima kakhulu,” utshilo uGasquet. Ngoku uzakujongana nomcelimngeni onzima xa edlala noMurray. “Ngaphandle kwamathandabuzo, umoya xa ndidlala noGasquest uzakuba phezulu, kodwa andoyiki. Ndidlale izihlandlo eziliqela kwiFrench Open nabadlali abalushica, kodwa ndaphumelela,” utshilo uMurray.

Babini abanye babadlali abadlulele kumjikelo olandelayo weFrench Open abaqalayo. Umdlali olinxele * -Albert Ramos-Vinolas nguye ozakube ekhokela abadlali baseSpain.

Previous articleUluvo lwakho ngootata?
Next articleMasihleke noManono
SHARE