UZeca Marques uyayishiya iSantos

Akukapheli nesizini, kodwa sebekhona abadlali nabaqeqeshi abahambayo emaqeleni abo besiya kwamanye abanethemba lokufumana ubomi obubhetele kuwo.

Kunjalo nakwindoda eyaziwayo kwibola jikelele yeli lizwe loMzantsi Afrika, uZeca Marques, oyishiyayo iSantos ekupheleni kwale sizini.

Lo mqeqeshi udize iindaba ezithi, yena neli qela laseNtshona Koloni abasayi kusebenzisana kwakhona kwisizini ezayo.

ISantos ibethe iqela elizama ukuzisindisa ezembeni kwaNFD, iMoroka Swallows, ngo’1-0 ngempelaveki e-Athlone Stadium. Asikacaci kakuhle esona sizathi sibangele ukuhamba kwale mambane kwiSantos.

UMarques yindoda eyaziwayo kwibhola elikhulu ngobuchule bokuqeqesha; uphumelele indebe kwiminyaka embalwa edlulileyo ngethuba esengumqeqeshi weSwallows ethotyiselweyo ekupheleni kwesizini ka’2014/15.

“Andibuyi kwisizini ezayo. Sisigqibo esinzima kakhulu esi, kodwa ndicingile phambi kokuba ndisithathe. Ndiyahamba ekupheleni kwale sizini.”

Phakathi kwamaqela alwela ukusinda ezembeni kule sizini yiSontos. Ukungaqhubi kakuhle kwayo kunokwenzeka ukuba yenye yezinto ezibangele umqeqeshi weSantos abenezinye iingcinga.

Ukusukela mhla lathotyiselwa kumgangatho osezantsi kwiminyaka eliqela eyadlulayo eli qela laseKapa, zange likwazi ukubuyela kwiPremier League kwakhona.

Ngenxa yamava anawo ebholeni uMarques, kunokwenzeka athathwe ngamaqela adlala kwiPSL kwisizini ezayo.