Zibuye nelize e-Argentina iiKings

IiSouthern Kings zibethiwe kwakhona ngawona manqaku aphezulu kwiSuper Rugby kule mpelaveki. IiKings bezityelele oomakoti beSuper Rugby, iJaguares zase-Argentina. Khange zinikwe thuba iiKings, iJaguars ingqengqe emgceni amatyeli alishumi elinanye yaphumelela ngo’73-27.

Lo mdlalo uhle wabonakala ukuba uzakuya kweliphi icala, kwimizuzu embalwa uqalile, kuba iJaguares ibinabadlali abasixhenxe abadlala kwiqela lesizwe lase-Argentina. IJaguares ikwazile ukuqokelela amanqaku amaninzi kwimizuzwana engaphantsi kwamashumi amabini.

Ekuqaleni kwesiqingatha sesibini, umdlali wasephikweni kwiiKings uLuzuko Vulindlu, uye wafumana ikhadi elityheli emva kokuba edlale kakubi umdlali weJaguares emoyeni.

Ibiyimpumelelo yesibini yeJaguares le yangoMgqibelo, emva kokubethwa imidlalo esixhenxe edlulileyo oko befikile kwiSuper Rugby ekuqaleni kwale sizini. Ngoku iJaguares ihleli kwindawo yesithathu kwinkomfa enamaqela alapha eMzantsi Afrika.

Umdlalo omhle weeLions kwezi veki zimbalwa zidlulileyo uye waphazamiseka kule mpelaveki xa zibethwa yiHurricanes. Lityeli lesithathu ngoku iiLions zibethwa liqela laseNew Zealand kule sizini. IiLions bezikwazile ukubetha iChiefs kwiveki yesibini ivulile isizini yeSuper Rugby yalo nyaka. Emva koko zabethwa ziHighlanders, eDunedin, zaphindwa kwakhona ziiCrusaders.

ILions ibileqa izithunzi nangona ibidlalela kowayo kule mpelaveki, kwaye bekudlala abadlali ababonakalayo ukuba badinwe kakhulu.