Zidlulele phambili iLions kwiSuper Rugby

ILions ziqinisekisile ukuba zidlulela kumjikelo olandelayo weSuper Rugby emva kokubetha iCell C Sharks ngo’37-10, e-Emirates Airline Park ngoMgqibelo.

Impumelelo yeLions ithetha ukuba liqela lokuqala ukuba lidlulele kwisigaba esilandelayo seSuper Rugby.

Ngoku iLions ziphumelele inkomfa enamaqela alapha e-Afrika, kwaye zingaphezulu ngamanqaku alishumi elinambini kwiiSharks. Kushiyeke iiveki ezimbini ngoku kwisizini yeSuper Rugby kwaye ngesantya ezihamba ngaso iiLions, akubonakali ngathi kukho iqela eliza kuzifumana.

Impumelelo yeeLions ikwathetha ukuba iiBulls zinethuba lokufumana indawo yesithathu, zibengentla kweeSharks. Amaxhala kaJohan Ackermann umqeqeshi weeLions inokuba asezantsi ngoku, kuba ngoMgqibelo abafana bakhe bazibonakalisile ukuba banamandla kangaka nani na. Izinga lokuzithemba beliphezulu kakhulu kwiiLions kwaye zibonakalisile ukuba ukungabikho kwekapteni uWarren Whiteley khange kuchaphazele umdlalo.

Indlela abadlali abayithathe ngayo into yokungabikho kukaWhiteley ibibaluleke kakhulu kulo mdlalo. UJaco Kriel nguye obekhokela njengekapteni wenze umsebenzi oncomekayo.

Elinye iqela eliqhube kakuhle kule mpelaveki liqela leStormers, xa bezibhuqa iiRebels ngo’57-31 ngoMgqibelo. UScarra Ntubeni ongene kwisiqingatha sesibini ungqengqe emgceni ukunika eliqela laseNtshona Koloni amanqaku ebhonasi.

Iqela leStormers liyaqala ukuphumelela ngamanqaku amangaka kwiSuper Rugby, kwaye ziza kuzisa uncumo kumqeqeshi uRobbie Fleck. Umdlali okhabayo uJean-Luc du Plessis uqokelele amanqaku angamashumi amabini anesixhenxe eyedwa.