Abalinganisi bodumo bazakudlala kumdlalo omtsha

Baza kulinganisa kumdlalo omtsha kamabonakude woMzansi Magic, ogama lithi “It’s Complicated” abadlali bemiboniso bodumo, uSiyabonga Radebe, uMotlatsi Mafatshe kunye no-Atandwa Kani. Ezi ndedeba zisanda kwaziswa kutshanje njengabalinganisi balo mdlalo.

USiyabonga Radebe udume ngendima away’eyidlala kuGenerations elinganisa indawo kaXolani phakathi kwasele eke wazidlala. Ukanti uMotlatsi Mafatshe udume ngendima ayidlala kumdlalo Isidingo nalapho adlala indawo kaSechaba. Ukanti * -Atandwa Kani, nongunyana wegqala lemdlali yeqonga neka mabonakude uJohn Kani, waziwa ngendima kaZwane awayeke wayidlala kuMuvhango, phakathi kwemidlalo akhe wabonakala kuyo.

Lomdlalo uthi It’s Complicated ilandela ubomi babalinganiswa abasixhenxe abacand’ amathafa entandabuzo, benyuka besehla amathembeka obomi, othando kunye nelahleko. Esi sithathu sobe sikhatshwa nguFikile Mthwalo, uThishiwe Ziqubu, uSamela Tyelbooi kunye noPabi Moganedi. Lo mdlalo uqala ngomhla wamashumi amabini enesine kuJulayi, ngoLwesihlanu