Icwecwe elitsha ngedolophu iMonti

UMncedisi Gwatyu owaziwa ngelika DJ Mnce. Umfanekiso: Uthunyelwe

Namhlanje, uLwesihlanu wokugqibela kunyaka ka-2023, iDJ yaseMonti, ikhupha icwecwe layo elitsha kraca nelithi ‘eMonti.’

UMncedisi Gwatyu, nowaziwa ngokuba nguDJ Mnce, ukhethe olu suku lwanamhlanje ukukhupha le ngoma nethetha ngobumnandi obungapheliyo eMonti.

“Yonke into inexesha layo ndicinga ukuba ngoku lixesha lokuba iMonti nayo iphakame njengezinye iidolophu zamanye amaphondo,” utshilo DJ Mnce ngokukhetha kwakhe le nyanga yeziyunguma ukukhupha eli cwecwe.

Le DJ, neyinzalelwane yaseMdantsane, isebenze kweli cwecwe noJigga noSbo ukubhala nokudidiyela eli cwecwe.

Nanjengoko engekho mtsha emculweni uDJ Mnce, sele ekhe wazenzela igama ngokusebenza neemvumi ezininzi, nalapho ebengumvelisi weengoma zazo (producer).

Kwezinye zeemvumi asebenze nazo uDJ Mnce, ziquka uMontay, Bhar (Durban), Sosoboy, Dj Tulz, Super, Mashava, Ntando, Sliq Angel, uNelisa, kwakunye nabanye abaninzi.

UDJ Mnce uqale ukuzibandakanya nomculo ngonyaka ka-2000 ngokuba yiprodyusa. Ukanti ngo-2007 waqala ukuba yiDJ, nalapho wathi wakhupha icwecwe lokuqala ngo-2008.

“Sinawo amacwecwe okuqala (hit singles), ‘Unjani ndoda’, nenye eyayisithi ‘Siyagijima,’ nesaduma ngazo eMdantsane,” wongeze ngelo uDJ Mnce.

UDJ Mnce unethemba lokuba xa benokufumana inkxaso kuluntu ngomculo wabo, nedolophu yaseMonti ingaziwa njengendawo eyenza umculo kweli phondo leMpuma Koloni.

Icwecwe elipheleleyo liza kuphuma kunyaka ozayo u-2024. Kweli icwecwe uDJ Mnce, uSbo noJigga, basebenze noSliq Angel, Deep Nkosazana, Saney, Sammy, noNelisa.

Eli cwecwe liyafumaneka kwiivenkile ze-intanethi ezithengisa umculo (digital stores) ukuqala namhlanje.

Ungamkhangela uDJ Mnce kwikhasi lonxibelelwano: Facebook – Deejay Mnce.