Amapolisa acela ukufuniswa uNkata ngokungxamisekileyo!

Indoda efunwa ngamapolisa uZibekile Nkata. Umfanekiso: Uthunyelwe

Abacuphi kwiProvincial Serious and Violent Crimes Unit bacela ukukhangeliswa indoda enokuba nolwazi ekubulaweni kwamadoda amathathu esuthwini, ze konzakaliswe indoda enye, eNgqamakhwe ekuqaleni kukaDisemba.

Amapolisa akholelwa ukuba uZibekile Nkata, oneminyaka eyi-40, angawanceda kuphando lwawo.

Nabani na onolwazi lokuba angafumaneka phi uNkata, uyacelwa ukuba aqhakamshelane nokhokela olu phando ku-079 408 9104, okanye kuCrime Stop 08600 10111.

Zonke iinkuckacha eziya kufumaneka kolu phando zakuba yimfihlo, kwaye othe watsala umnxeba, igama lakhe lakukhuselwa ngokuba lingakhankanywa.