Imbongi, umbhali, imvumi uMbongeni Ngema

Imbongi, umbhali, imvumi uMbongeni Ngema. Umfanekiso: Thomas Rens Leask/Actor Spaces

Ichule, imvumi, umbhali, uMbongeni Ngema ushiya ngasemva umzila ocace okomva webhokhwe ehlungwini ngenxa yegalelo lakhe kwilizwe loMzantsi Afrika. Ngamaxesha orhulumente wobandlululo uNgema wasebenzisa usiba lwakhe ukuvakalisa intlungu yabo babelulutsha ngelo xesha.

Ukubhubha kwakhe ngengozi yemoto kufutshane naseMagusheni eMpuma Koloni, kushiye uninzi lingenakuthuthuzeleko ngenxa yomsebenzi wakhe.

Nje ngababhali neembongi zonke, uNgema usebenzise usiba lwakhe esilwa nemithetho nengcinezelo yexesha langaphambili kweli.

Ngaphandle kokulwa ubandlululo ngengoma nosiba, uNgema ukhuphe iimvumi, abadlali beqonga nabanye abaninzi abaphumeleleyo.

UMphathiswa wemidlalo nenkcubeko eMzantsi Afrika, uZizi Kodwa, uthi ngenene yilahleko engenakuthethwa ukubhubha kwale ndedeba.

“Kusothusile kakhulu ukubhubha kwakhe, ndilungiselela ukuya kubonana nosapho lwakhe kwakamsinyane nje,” uthethe watsho kwabendaba uKodwa.

Umdlalo weqonga iSarafina zezinye zeemveliso zikaMbongeni Ngema ezimenzele igama kweli nakwihlabathi ngokubanzi.

“Sikhula sikhuthazwa, sikwafundiswa ngumsebenzi wakhe wobugcisa, usebenzise ubuchule bakhe ukuncedisana nedabi lenkululeko yabantu,” uhambisa atsho uKodwa.

Enye yeemveliso zakhe zengoma ethi, Stimela SaseZola, isathandwa nje ngakuqala kuzwelonke nakumazwe angaphandle.

UNgema ulishiya eli eminyaka ingamashumi amathandathu anesibhozo (68) walibonayo ilanga. Ingxelo ithi uNgema ebengumkhweli kwimoto abhubhele kuyo.

“Uphumelele iimbasa ezininzi kakhulu kuquka nabo baphuma ezandleni zakhe abafana noLeleti Khumalo,” kutsho uKodwa.

UNgema ukwazenzele udumo ngomdlalo wakhe weqonga owawusithi, “Woza Albert!” kwaye uphumelele iimbasa kweli nakwihlabathi. Usebenze neezangxa eziquka uWhoopi Goldberg kwakunye noHugh Masekela nabanye abaninzi.

“Siququzelela ukuba kubekho intsebenziswano phakathi korhulumente weMpuma Koloni kwakunye nowaseKZN, injongo kukuba umzimba wakhe udibane nosapho lwakhe ngaphandle kwengxaki,” uthembise watsho uKodwa.

Ukubhubha kweli gqala kwenzeka nje emva kweentsuku ezimbalwa kungcwatywe umlonji uBulelwa ‘Zahara’ Mkutukana.

UMbongeni Ngema uzalelwe eVerulam ngo1955 kwiphondo laseKZN.