UKhozi FM luzigudla noluntu ephondweni

Namhlanje uKhozi FM luzakube luseMthatha naseBhisho, lisasaza ngqo iinkqubo zalo.

Inkqubo yeBhrakfesi yesi sikhululo izakwenzelwa kwirenki yeeteksi eMthatha apho abasasazi besi sikhululo bezakube bedlulisa ngeekhalenda kuluntu.

Emini emaqanda, esi sikhululo sizakube siseBhisho, abanye abasasazi babeseMonti, kuqhutywe inkqubo de kubethe intsimbi yesithathu. Inkqubo yasemalanga (ngentsimbi yesithathu) izakwenzelwa eSteve Biko Monument eQonce.

Abafundi bephephandaba I’solezwe lesiXhosa babonakalise ukusamkela esi sikhululo ephondweni ngethuba bethetha kuFacebook wethu izolo, bambi bebuza ukuba lifika nini okanye lifumaneka phi kwezabo iindawo.

Nazi izimvo zabo

Thobeka Finca: Linyathelo elihle kakhulu eli, kaloku masikhumbuleni ukuba abona baphulaphuli boonomathotholo ngabantu esele bekhulile ngoba thina iimini ezi sisetorhweni. Ndithi ngxatsho ke kuKhozi FM.

Sanele Mbilini: Leyo into ithetha ukuthi uMhlobo Wenene mawunyuse iikawusi kuba ukhuphiswano lunzima.

Yethu Nto Ka Dorana: Masilibulele eli nyathelo, kuhle ukufumaneka kwesikhululo esikhuluma olunye ulwimi lwalapha eMzantsi, sesizokhona ke nathi ukuthi sikhulume ngempela.

Tanduxolo Mpekelana: Hey Ngobe noMchunu bafikile uGudla uzoyeka ukhonya yedwa.

Sizwe Luthando Solombela: salibulelela ukhozi nathi e-EC (Mpuma Koloni).