Utelekela phesheya

uPam Andrews

Imvumi eyaguquka yangumdlali weqonga, uPam Andrews, ubhengeze kwikhasi lonxibelelwano ukuba uzakufudukela kwilizwekazi lase-Europe. Siyamazi kumdlalo kaRhythm City, ngendima ayidlalayo kaGail October nasandul’ukuyishiya.

U’Andrews udize ukuba ufudukela kwela lizwe ukuyokuxhasa umyeni wakhe kwimicimbi yoshishino. Uthethe wenjenje kwikhasi lakhe lika-Instagram: “Ziyachulumancisa, zibuhlungu kwaye zikwenza uncume, ulile ezi ndaba…Kuninzi endikuvayo. Ndizakufudukela e-Europe kungekudala, ukuyokuxhasa umyeni wam kwishishini lakhe elitsha.

Ndizakuqhubeka ndisebenza ukuze ndithathe isakhono sam ndisiphose kwinqanaba elilandelayo. UMzantsi Afrika uyakuhlala ulikhaya lam. Yiminyaka elishumi elinesithathu ndikweli qonga…Intombazana yakwii-Cape Flats.” igqibezele yenjenjalo le nzwakazi.