Yizokonwaba eBhayi ngoMgqibelo

Ngunyaka wokuqala we-IsiXhosa Music Festival, kwaye kulindeleke ibeyinto ezakuqhubeka unyaka nonyaka.

UMazizi Msuthu oququzelela lo myhadala uthi, “Lo ngumnyhadala wesiXhosa, apho zonke iimvumi ziyakube zicula ngesiXhosa, zinxibe isiXhosa kwaye kwanokutya kuyakuba kukutya kwesiXhosa. Ngumnyadala wokukhuthaza ulwimi lwesiXhosa, inkcubeko yobuXhosa kwanokuveza ngokuphangaleleyo ubumi, isiko nesithethe sikaTata uMandela.”

UMsutu uthi, zonke iimvumi zesiXhosa ooZonke, Zahara, Ntando, Siphokazi, Camagwini, Berita, Poetic Soul, Asanda Mqiki, kuquka iimbongi uZolani Mkiva, Odwa Duru nabanye abaninzi bazakube beyinxalenye yalo mcimbi.

Umnyhadala uqala ngo-12h00 emini umhla we-12 kuDecember 2015 ukuya kuma ngentsimbi yesibini kusasa ngomhla we 13 December 2015.

Sibuza ngamathuba engqesho kulo mnyhadala, uMsuthu uthe: “Maninzi kakhulu, kangangokuba ezinye zeemvumi ezaziwayo zizakube zisebenzisa iimvumi zaseBhayi kwii- Drums, isiginci njalo njalo.

Abaxhasi balo myhadala yiNelson Mandela Bay Municipality, Nelson Mandela Bay Tourism, Department of Arts and Culture, Umhlobo WeneneFM, SABC1, Sub Boardwalk, Sun Goddess, Bay West Mall nephephandaba I’solezwe lesiXhosa.

“Bonke abantu bayakhuthazwa ukuba beze nezitulo zabo iiCamp Chairs ngela makhumsha. Ongenaso isinxibo sesiXhosa naye uyakhuthazwa okokuba eze, enxibe ngolo hlobo anqwena nathanda ngalo.” uqukumbele watsho uMsuthu.

Mayidibane eNelson Mandela Stadium kulo Mgqibelo. Amatikiti axabisa i-R140 ukonyuka.