Aah! Dalibhunga!

INOKUBA ashukuma luvuyo amathambo kaBawo uRholihlahla Mandela (Aaa!!! Dalibhunga), emva kweengxelo ezenziwe nguMphathiswa uBlade Nzimande, zokuba kuza kwenziwa uphando ngamachiza esintu ngeenjongo zokuba ancedise nawo kwidabi lwekhorona.

Kumele ukuba siqhwabe izandla ngeli nyathelo ukuba liza kude lenziwe ngempumelelo, kuba lakubuyisa isidima samathambo wookhokho bethu, iinkokheli zethu zopolitiko, iinkokheli zenkolo yesintu, amagqirha namaxhwele nabantu baseAfrika ngokubanzi.

Ukufika kwabo abaseluhlangeni kweli baqwalasela ngamandla ezona zinto zazinika isidima nexabiso kubantu abamnyama.

Ukuziphilela ngokusebenzisa iimveliso zendalo yenye yezinto abafumanisa ukuba ingumqolo wokuphila kweli lizwekazi.

Bathi xa beqalisa ukusitshabalalisa, bathatha amadoda athile bawasa kwindawo ekuthwa kusesikolweni, amanye asiwa kwindawo ekuthwa kusecaweni.

La madoda ondliwa apho ngobuvuvu bemfundo eyabangela ukuba babuye bejongele phantsi yonke into esekelezelwe kwinkolo, imveli, amasiko nezithethe zabantu baseAfrika.

La machiza aza kuphandwa apha nguNzimande abalixhoba lokuba kuxokwe ngawo kusithwa awasebenzi, anobusathana, anobuhedeni, ayabulala, awavavanywanga – yonke loo mfungumfungu yobuxoki.

Kwelinye icala, abe exakekile la madoda evula amaziko okupapasha amachiza wawo, kwathwa wona aphilile, ayaphilisa, axilongiwe avela phesheya, anuka umlungu, yonke loo mfeketho yengcinezelo.

Ngenxa yoku, abantu basesikolweni bakhokela ukutshabalalisa ithemba labantu kumayeza esintu, abasecaweni bona bathi indoda ethile ebhayibhileni yahlanjwa ngomthi ummamangile, kodwa lo ushumayelayo uyoyika ukuhlamba ngochithibhunga, kuba uza kugxothwa ecaweni.

Yiva ukuchubeka kwabantu baseAfrika, kweliya lakuthi eCacadu kukho iinkonzo ezasekwa ngaMaJamani ezininzi.

Ibali elingaqinisekiswanga lithi la MaJamani ebeshumayela eCaweni, kodwa ngobusuku ebechwechwa esiya koosiyazi beelali zaseMtsheko, Matyhantya, Tshatshu, Rhodana nakwezinye, ekhangela amachiza esintu.

Ukwenziwa kolu phando kuyakwenza ukuba thina bantu bakholelwa kumachiza esintu sizidle nangaphezulu ngokuba ngabantu balapha.

Lixesha lokuba iiYunivesithi zeli zixakeke zincedise ukwenziwa kolu phando.

Imihlonyane namanye amayeza esiNtu afakwe kuluhlu lwamayeza asemthethweni. Sahlukane nokuxelelwa ngophando olwenziwe zezinye izizwe zizenzela, ze kuthwe thina masitye.

UNzimande uthi makuphandwe nalo waseMadagascar umhlonyane ukuba ungancedana na ukulwa nesi sifo.

Uthi kudala likhona ibutho elijongene nalo msebenzi kwisebe lakhe, asiyonto iqalwayo le. Maninzi amayeza esintu angafumani thuba kwimeko yempilo yenu, asuke ebiwe ngabaseluhlangeni, abuyele kuthi siwathenga ngexabiso. Kuye sithi Nzimande, Mphephethwa, Sothiya.