Ababesakuba ngabasebenzi basePosini babanjelwa ubuqhophololo

Ababesakuba ngabasebenzi basePosini babanjelwa ubuqhophololo.

Abarhanelwa ababini abaneminyaka ephakathi kwamashumi amathathu anesibini (32) ukuya kumashumi amane anesihlanu (45) babanjwe ngamapolisa aseMthatha iSerious Commercial Crime Investigation kunye neqela leeHawks iPriority Crime Serious Investigation kwiphulo elidibeneyo elisebenzisana nePosi yoMzantsi Afrika (SAPO) kwakunye neGunyabantu lezoTshutshiso leSizwe (NPA) ngezityholo zobuqhophololo ngomhla wama-29 kweyeSilimela ngo-2023.

Isithethi seeHawks uWarrant Officer Ndiphiwe Mhlakuvana uthi aba babini babengabasebenzi bePosi yoMzantsi Afrika ezinze eGcuwa besebenza njengeekheshiya. Kubikwa ukuba bobabini abarhanelwa banoxanduva lokwenza iintlawulo ze-Arhente yoKhuseleko lwezeNtlalo yoMzantsi Afrika (SASSA) kwiCash Pay Point.

“Ngexesha eliphakathi kweyoMsintsi ka-2020 ukuya kuTshazimpuzi ka-2022 bobabini abarhanelwa batyholwa ukuba basebenze kunye ngokuchasene nenkqubo yentlawulo yesibonelelo sikarhulumente kwaye bafaka imali ezipokothweni zabo.

“Kutyholwa ngokuba abarhanelwa benza iSASSA ilahlekelwe yimali engaphaya kwe-4.1 yezigidi zeerandi ukuze kuxhamle bona. Lo mba uye waxelwa kwiSerious Commercial Crime Investigation yeeHawks eziseMthatha ukuze ziphononongwe nto leyo eyakhokelela ekubanjweni kwabo,” utshilo uMhlakuvana.

Abarhanelwa bazakuvela okokuqala kwiNkundla yoLwaphulo-mthetho lwezoRhwebo eMthatha namhlanje, umhla wama-30 kweyeSilimela.

INtloko yeeHawks kwiPhondo uMboiki Obed Ngwenya uphinde waqhwabela izandla bonke abathathi-nxaxheba ababandakanyekayo kwindibaniselwano eyimpumelelo kunye nomsebenzi oncomekayo ekupheliseni izenzo zolwaphulo-mthetho ngokushenxisa abo babela abantu abahluphekayo.