Abafundi bahlabene ngeemela esikolweni

Ibingumbono ombi kwisikolo iGasela High kwilali yaseMxaxo eQonce kule veki ngethuba igquba labafundi abangevaniyo ngenxa yemilo yobulali bebefunana eziqwini ngeemela kudulubhentsu oshiye abafundi ababini belimele.

Esi siganeko senzeke ngoMvulo kwesi sikolo kwaye sishiye ootitshala nabanye abafundi bephantsi koloyiko.

Abafundi abangamakhwenkwe, ekucaca ukuba abavisisani kwimiba ekukholeleka ukuba yeyaselalini, bebekhuphana kumagumbi okufundela befunana eziqwini kubonakala ukuba balangazelela isidumbu apha.

Kuthe kwakubonakala ukuba abanqandeki ngenxa yokoyikeka kwabo, zanqoza – imela ikhala emfundini ngaphakathi kumagumbi okufunda.

Lo mlo ubandakanya abafundi bakaGrade 9, 10 noGrade 11. Lo mlo uqale ngokuthi kuyokuhlaselwa abafundi bakaGrade 9, waphuma waya kwaGrade 11 ze wandulela nakwaGrade 10.

Abonzakeleyo, omnye oneminyaka elishumi elinesibhozo nomnye oneminyaka elishumi elinesithandathu, babalekiselwe esibhedlele eGrey eQonce apho bekungekacaci ukuba sele bekhululwe na.

Ootitshala bathi iyabaxhalabisa le meko kuba kokwesine kuhlaselwana ngabafundi kwesi sikolo kulo nyaka. Aba titshala bathi boyikisela ubomi babo kule meko yaseGasela High.

“Iyasoyikisa thina kuba asisazi esona siphelo sayo,” utshilo omnye utitshala ocele ukuba angachazwa, ngokoyikisela ubomi bakhe. Amapolisa aseDimbaza aye abizwa kuquka nomhloli wesikolo esi.

Umhloli ucebise inqununu yesi sikolo ukuba ibhalele kwiziphathi-mandla zezemfundo ephondweni ukuze kuthatyathwe amanyathelo ngesimilo saba bafundi. Bekungekacaci ukuba livuliwe kusini ityala malunga nesi siganeko.

Isithethi samapolisa uKapteni Siphokazi Mawisa, uthi ityala lokonzakalisa ngokwasemzimbeni livuliwe kwaye liyaphandwa.

“Abarhanelwa abangabafundi abakabanjwa,” utshilo uMawisa.

UMawisa uthi amapolisa aye atyelela kwesi sikolo ngoLwesibini ngelokufundisa abafundi ngobungozi bokuzibandakanya kulwaphulo-mthetho.

Isithethi sesebe lezemfundo uMali Mtima usigxekile esi siganeko, watsho esithi isebe liza kusebenzisana nootitshala besi sikolo ukuwusiphula neengcambu lo mkhwa.