Abafundi bakhuphisana ngezigqibo zoqoqosho

Abafundi bakaGrade 12 eMpuma Koloni bemamele kwigosa leBhanki enguVimba eICC eMonti UMFANEKISO: SITHANDIWE VELAPHI

YAQALA emva kwencoko bephunga iti oosoqoqosho bebhanki enguvimba yoMzantsi Afrika, emva kokuba bebone nqaku lithile kumthombo weendaba elalibalula ukungaqhubi kakuhle kwesifundo sezoqoqosho (Economics) kwiimviwo zebanga leshumi.

Bacinga cebo limbi kuba eli nqaku lalikwachaphazela bona nanjengoko umsebenzi weBhanki enguVimba (South African Reserve Bank) ikukuqwalasela uzinzo kumaxabiso nakwezezimali. Konke oku kuphehlwa yindlela uqoqosho oluqhuba ngayo.

Kwimpelaveki esiyishiya ngasemva, abafundi bakaGrade 12 abenza izibalo (Mathematics) nezoqoqosho (Economics) kwizikolo zaseMpuma Koloni, bebedibanele eMonti naseBhayi kwiMPC [Monetary Policy Committee] Schools Challenge, ukhuphiswano lokucela umngeni abafundi ukuba bazibone bethabatha izigqibo zokwenza ngcono iimeko zoqoqosho kweli.

Kolu khuphiswano abafundi baqala ngokuxelelwa ngeqondo lenzala (interest rate), umgaqonkqubo wezezimali (monetary policy) kwanezinga lokwehla nokwenyuka kwamaxabiso (inflation).

Emva kokuba baxelelwe baye badityaniswe babengamaqela amane, babhale isincoko samagama aliwaka bephicotha imiba echaphazela uqoqosho phantsi komxholo abawunikwe ngamagosa eBhanki enguVimba.

Emva kokuba behlolwe ukuba babhale kanjani kuza kukhethwa izikolo ezihlanu okanye ezithandathu, ze bayokuxelela amagosa ekomiti yomgaqonkqubo wezezimali kwiBhanki enguVimba.

UDarren Chamberlain, umhlalutyi wezentlawulo (payments analyst) kwibhanki enguvimba uthi le MPC Schools Challenge yindlela apho iBhanki enguVimba ezama ukufikelela kubafundi bakaGrade 12 ukuze ifake umfutho kumdla wabo wokuthabatha izifundo zezoqoqosho njengekhondo (career).

“Konke oku kwaqala ngethuba sasizihlelele siphunga iti, ze kwakho umbuzo wokuba singenza ntoni na thina emva kokubona esinye sezihloko zabeendaba esasisithi “economics is the worst performing subject in matric [ezoqoqosho sesona sifundo siqhuba kakubi kwibanga leshumi]. Njengabantu bezoqoqosho, lo nto ayizange ihlale kakuhle kwiintliziyo zethu, sazibuza ukuba singenza ntoni na?” kutsho uChamberlain.

“Sasizibuza ukuba njengeBhanki enguVimba eqashe intaphane yoosoqoqosho, yintoni esingayenza ukukhuthaza ezoqoqosho. Saqala ngokwabelana ngezimvo kwaye emva kophando safumanisa ukuba iBhanki enguVimba yaseNgilane, inayo le nkqubo yokuya kubafundi ibacele ukuba babhale isincoko malunga nomgaqonkqubo wezemali.

“Yona iBhanki enguVimba yaseNew Zealand inenkqubo yokuya kubafundi ibacele ukuba babhale isincoko ngezigqibo zemigaqonkqubo yezemali. Sabona ukuba masiyizame le nkqubo, saqala ngo2012 eRhawutini,” utshilo uChamberlain.

Uthi ngoku le nkqubo itsala umdla kubafundi abaliqela kwilizwe liphela. “Sikumaphondo onke eli kwizikolo ezifundisa ezoqoqosho (Economics). Simema abafundi abane kwisikolo ngasinye ukuba babhale isincoko ngezigqibo ezikhokelela kwiqondo lenzala (interest rate), njengoko isenza iBhanki enguVimba. Mkhulu kakhulu umdla wabafundi nootitshala kule nkqubo.”

“Ukhona umdla kwisifundo sezoqoqosho. Omnye wemizekelo endithanda ukuyisebenzisa, kukuba apho kwiqela lethu sinogxa wethu owayengumfundi owangenela le nkqubo ngo2012. Isikolo sakhe seza nendawo yesithathu, ze wafumana ibhasari wafunda de waya kwibakala leMasters Degree.

“Emva koko wazokwenza uqeqesho lokufunda umsebenzi neBhanki enguVimba, ngoku usebenza kwiBhanki enguVimba. Ngenxa yokuba uyayazi le nkqubo, sigqibe kwelokuba makafakwe kuyo afundise abanye,” utshilo uChamberlain.

UMohammed Keswa ofunda uGrade 12 eMzontsundu Senior Secondary eQonce, uthe: “Eyona nto enditsale ukuba ndithabathe inxaxheba kule nkqubo kukuba ndifuna ukuphucula izifundo zam zezoqoqosho, ingakumbi kwicandelo lomgaqonkqubo olawula ezezimali (monetary policy). Ndikwanomdla ekudlaleni indima kwiinguqu zezoqoqosho. Emva koGrade 12 ndinomdla wokuqhuba nezifundo zezoqoqosho, kwicandelo lolawulo nophuhliso.”

Isikolo esiphumeleleyo sisethubeni sokuzuza amabhaso logama kukho abafundi abaza kufumana ibhasari ngenxa yokugqama kunabanye kolu khuphiswano.