Abafundi baseZonnebloem abathunyelwa eNgilane

Isikolo saseZonnebloem eKapa savulwa ngoFebruwari ngowe1858 yiCawe yamaTshetshi phantsi kweempembelelo zoMfundisi Gray neRhuluneli uSir George Grey.

Esi sikolo savulelwa ukufundisa abantwana beenkosi zabaNtsundu namaphakathi intlalo yesiLungu. Kwakufunwa babe zizifundiswa, baguquke babe ngamaKrestu ahamba icawe.

Bafundiswa ngengqeqesho nembeko yesiLungu. Bafundiswe iindlela zokunxiba zesiLungu, neendlela zokutya zesiLungu. Bafundiswa nemidlalo yesiLungu.

Amasiko nezithethe zabo babe fundiswa ukuba bazityeshele bazidele kuba zazingazi kuba nandawo kubomi babo bokuba zizifundiswa. Enye into eyenziwayo yaba kukuthiywa kwabo amagama esiNgesi ababeza kubizwa ngawo eziklasini naseCaweni.

Emva kokuba befundisiwe eZonnebloem iqela labo laya kufundiswa phesheya eSt Augustine Missionary College eCanterbury eBhilitane.

UGeorge Mandyoli Maqoma (1859): Wawela ngowe1859 esiya kufunda eSt Augustine Missionary College eCanterbury eBhilitane. Ungomnye weqela labafundi bokuqala ukuya kufunda kwisikolo sabantwana beenkosi saseKapa esasibizwa ngokuba yiZonnebloem. Uwele noBoy Henry Duke of Wellington Tshatshu.

UBoy Henry Duke of Wellington Tshatshu (1859): Wawela ngowe1859 esiya kufunda eSt Augustine College eCanterbury eBhilitane. Ungomnye weqela labafundi bokuqala ukuya kufunda kwisikolo sabantwana beenkosi saseKapa esasibizwa ngokuba yiZonnebloem. Uwele noGeorge Mandyoli Maqoma.

UEdward Dumisweni Maqoma (1861): Lo mhlekazi ube kwiqela lesibini labafundi abawelileyo ngowe1861 besuka kwisikolo sabantwana beenkosi eKapa, iZonnebloem baza baya kwandisa imfundo eSt Augustine Missionary College eCanterbury eBhilitane. Kolo hambo luya phesheya waye kunye naba gxa bakhe bangaba: uJeremiah Libopua Moshoeshoe, uSamuel Lefulere Moroka, uArthur Waka Toyise.

UJeremiah Libopua Moshoeshoe (1860): Lo mhlekazi ube kwiqela lesibini labafundi abawelileyo ngowe1861 besuka kwisikolo sabantwana beenkosi eKapa, iZonnebloem baza baya kwandisa imfundo eSt Augustine Missionary College eCanterbury eBhilitane.

USamuel Lefulere Moroka (1861): Lo mhlekazi ube kwiqela lesibini labafundi abawelileyo ngowe1861 besuka kwisikolo sabantwana beenkosi eKapa iZonnebloem, baza baya kwandisa imfundo eSt Augustine Missionary College eCanterbury eBhilitane.

UArthur Waka Toyise (1861): Lo mhlekazi ube kwiqela lesibini labafundi abawelileyo ngowe1861 besuka kwisikolo sabantwana beenkosi eKapa, iZonnebloem baza baya kwandisa imfundo eSt Augustine Missionary College eCanterbury eBhilitane.

UNathaniel Cyril Kondile Mhala (USogqumahashe) (1866): UKondile Nathaniel Cyril Mhala ngokaMhala Ndlambe, ozalwa nguMtsekazi, intokazi kaMatiwane, udade boMhlontlo, kumaMpondomise. Bawele bebathathu ukuya eSt Augustine Missionary College eCanterbury eBhilitane, besuka kwisikolo sabantwana beenkosi iZonnebloem eKapa.

Omnye wamadoda awayehamba nawo nguJonas Ntsiko. Aba bafundi bahleli iminyaka emibini eCanterbury. Baze emva koko babuyela eMzantsi Afrika.

UNathaniel Cyril Kondile Mhala wayengunyana kaMhala, uMhala kaNdlambe elinye lamagorha eenkosi zamaXhosa ezathi zalwa nabeLungu. Uyise isikhahlelo sakhe yayinguMbodla, xa ebongwa kusithiwa: Imbodla kaSigqeku, Lo mthi usenkundleni mawugawulwe, Kub’umntan’enkosi uphants’ukonzakala!

UNathaniel Cyril Kondile Mhala wangena esikolweni eZonnebloem ene15 leminyaka. Uthe emva kweminyaka esibhozo elapho wathunyelwa eNgilani, njengoko sesitshilo. Ngethuba efunda eSt Augustine Missionary College wafumana ithuba lokutyelela eSt Paul’s Cathedral nakwiHouse of Commons, apho wathi wathabatheka ngumdla kwiingxoxo zabapolitiki uGladstone noDisrael.

Uthe ukubuya kwakhe waqeshwa njengomvangeli nekhankatha kwisikolo saseCofimvaba ngaseKomani esibizwa ngokuba yiSt Marks. Apho wayesebenza phantsi koMfundisi womLungu uWaters, ekwakusithi xa engekhoyo umfundisi ibe nguye oqhuba umthandazo ngesiNgesi nangesiXhosa.

Into awazibalula kuyo yaba ngumdlalo wekhilikithi awawufunda eseZonnebloem. Ngowe1869 wadlala eSt Marks kumdlalo wekhilikithi owawuhlanganisa abafundi abadala ababefunda eZonnebloem. Kwabo bafundi badala kwakukho nomfundi omdala iKumkani yamaXhosa uGonya Edmund Sandile.

Uphindile wadlala ngowe1870 kwiqela lekhilikithi elalenziwe ngabafundi baseSt Marks kunye nabafundi abadala baseZonnebloem, bedlala neqela labeLungu laseKomani ekwakusithiwa yiQueenstown Club. Kubafundi abadala ababekho kulo mdlalo kwakukho aba balandelayo: Arthur Toise, J. Benekazi, H. Xhoxho.

Uthe ukumka kwakhe eSt Marks waya kuba yitoliki yakwaMantyi eQonce.

UNathaniel Cyril Kondile Mhala ngomnye wabantwana beenkosi ababe fundiswe ngamaNgesi eKapa nabathi balwa bencedisa amaXhosa ngethuba leMfazwe yokugqibela yamaXhosa namaNgesi ebizwa ngokuba yekaNgcayechibi eyaliwa phakathi kweminyaka u1877 ukuya ku1878. Abanye abantwana beenkosi abalwayo yaba ngaba: Gonya Edward Sandile, Mlindazwe Bisset Sandile, Dukwana Ntsikana.

Bonke bamangalelwa ngetyala lokungcatsha umbuso, kodwa uNathaniel Cyril Kondile Mhala waphuma etshaya kwelo tyala.

UMqhayi, S.E.K. (2009:175) kwincwadi yakhe ethi, ‘Abantu beSizwe’ ubalisa uthi ngokubanjwa kwabantwana beenkosi emva kweMfazwe kaNgcayechibi: “Ngemfazwe le kaNgcayechibi, uMhlekazi uKondile ukhe wabanjwa ngetyala lobuvukeli, wamangalelwa eQonce, koko iJuri yamfumana engenatyala, wakhululwa. Isizathu sakhe sokurhaneleka sasithatyathelwe kuGonya, ngokusuke athi akurhaxwa ngumsi wemfazwe, ayishiye iofisi kaRhulumente aye kuwela kuyise ehlathini; kucingwe ukuba lo mphunga ukho nakuKondile.

UNathaniel Cyril Kondile Mhala waseka iphephandaba elibizwa ngokuba Izwi Labantu ngowe1897 eMonti ekunye namadoda angala alandelayo: Walter B. Rubusana, noAllan Kirkland Soga

UNathaniel Cyril Kondile Mhala wakhe wabamba njengenkosi eyintloko yesizwe samaNdlambe eMncotsho.

UJonas Ntsiko: Bawele bebathathu ukuya eSt Augustine Missionary College eCanterbury eBhilitane, besuka kwisikolo sabantwana beenkosi iZonnebloem eKapa. Omnye wamadoda awayehamba nawo nguNathaniel Cyril Kondile Mhala (USogqumahashe). Aba bafundi bahleli iminyaka emibini eCanterbury. Baze emva koko babuyela eMzantsi Afrika.