Abahlali base Mdantsane bazakumangalela iIEC

Abahlali
bakwa wadi 42 eMdantsane bathi bazakufaka isimangalo kwinkundla ephakamileyo
bemangalela ikomishoni ezimeleyo yonyulo emva kokuba begqibe iveki ezimbini
behleli nebhokisi enamaphepha okuvota ekutoviweyo kuwo. Ingxelo yaba bahlali
ithi kudala bethetha namagosa akwa IEC ngelizama ukufumana into enokwenziwa
ngalebhokisi kuba eyesibini ide yonakala kuba ibimanzi kakhulu. Othethe egameni
leliqela uNelly Mpontshane uthi kudala behleli nayo lebhokisi bengafumani
mpendulo isuka kwabakwa IEC. “Ziphelile iveki ezimbini sizamana nabantu bakwa
IEC sifuna ukubaxelela ngalentlekele, okanye basicacisele ukuba kwenzeke ntoni
ukuze lebhokisi ihlale kulendawo abafumaneki ndawo ababantu,” utshilo uMpontshane

 Uninzi
lababahlali bathi bebevotele abagqatswa abazimeleyo kungoko bekholelwa ukuba
ezivoti zalahlwa kuba ziphethe inkxaso yabo bebengenele ulonyulo bengozimele
geqe. Kwiveki ephelileyo ngabahlali abaphuma kwiwadi ezingamashumi amathathu
anaesixhenxe abebeqhuba uqhankqalazo obeluchase ukufungiswa koceba kumasipala
wase Buffalo City Municipality.
Othethe egameni le IEC eMpuma Koloni uPearl Ngoza uthi ngenene bebesifumene
isikhalazo esivela kubahlali balandawo, kodwa zabalwa ezivoti bathetha ngazo. “Ezibhokisi
zibhekisele kulonyulo obelenziwe ngomhla wesibini kulenyanga ka Agasti,ngomhla
wesithathu ezovoti zathathwa zabalwa ngoko ke labhokisi ibingenanto kuyo kuba
amaphepha okuvota ebesele ebaliwe,” utsho uNgoza.

 Enye yamadoda
ebezigqatsele ukuba ngoceba abazimeleyo uXhanti Bolo uxelele Isolezwe ukuba
benze impazamo ngokuya kulonyulo bezimele. “Siyazisola kwaye batsho nabantu
abasivotele, kuba ukuba besivotele umbutho ofana ne DA le ngesiyikhuphile iANC
apha BCM,” utshilo uBolo.