Abakhwetha ababulawanga lulwaluko eKapa

Akunanto yakwenza nolwaluko ukusweleka kwabakhwetha abathathu kwisixeko saseKapa kwiphondo leNtshona Koloni. Oku kudizwe lilungu lebhunga leengcibi kweli phondo uSikelela Zokufa. Oku kulandela ukusweleka kwabakhwetha abathathu ngexesha lolwaluko lasehlotyeni eKapa nalapho aba bakhwetha bebhubhele emabhomeni.

OkaZokufa uthi kuzo zontathu ezi ziganeko ukungenelela kwemimoya yangaphandle kube nguyena nobangela wokusweleka kwaba bakhwetha.

Esinye isiganeko esenzeke eHazeldene ePhillipi kudizwe ukuba kwisithuba seveki engenile esuthwini umkhwetha wabona izinto ezingabonwayo ngabanye abantu kangangokuba wayengathi ushiywa ziingqondo.

UZokufa uthi kwesi siganeko abazali bomkhwetha bacothile ukufuna uncedo ebeludingeka nakholelwa ukuba ngesindile ukuba abazali bebekhawulezile ukulifuna.

Kwesinye isiganeko kudizwa ukuba umkhwetha wase Khayelitsha udlisiwe. Lo mkhwetha utye ukutya obekungasuki kokwabo, emva koko wakhala ngesisu esilumayo, ze waphuma amagwebu emlonyeni wawunabela uqaqaqa.

Lo gama kwisiganeko sakwaLanga kufunyaniswe ukuba umkhwetha unezinto ezithile ezingamlungeliyo. Kwisiganeko sakwaLanga uZokufa uthi ugqirha okanye iziko lezempilo ebeye kulo phambi kokuba oluswe umkhwetha lo alikhange limchazezele ukuba unezinto angadibaniyo nazo ngokwasempilweni kuba nalapho ngezingasetyenziswanga.

Le ngcibi yaziwayo kwiphondo leNtshona Koloni ithi “Abazali mabathathe uxanduva ngempilo zabantwana babo, bangathathi abantwana babalahle ehlathini bakugqiba bangahoyi ukuba kwenzeka ntoni ngabo.”

Uthi xa umzali eyilandela impilo yomntwana wakhe osesuthwini uyakwazi ukuqaphela xa kukho into engahambi kakuhle axelele ingcibi ze icebise ngamanyathelo anokuthatyathwa.

Iphondo leNtshona koloni belisoloko lisaziwa ngokuba le lona lingenawo umkhuba wokubhubha kwabakhwetha kweli lizwe loMzantsi Afrika.