Abantwana basahleli emakhaya noxa izikolo zivuliwe

Abazali babantwana bebanga lokuqala ukuya kweleshumi (Grade 12), bebedibene ngeentloko kunye nesebe lezemfundo eStirling Centre eNahoon eMonti kwiveki iphelileyo, apho bebeyokusabela ingxelo ephuma kwisebe lezemfundo malunga nabantwana babo abangena ndawo yokufunda kwizikolo zesithili saseMonti.

Aba bantwana babhaliswe ngabazali babo kulo nyaka uphelileyo baze bathenjiswa iindawo kulo nyaka kodwa kude kube namhlanje abakabinandawo yokufunda, bahleli nje emakhaya.

“Silapha nje sisuka kwisebe lezemfundo ezikwisakhiwo iRubusana eN.U. 1 eMdantsane apho besithenjiswe ukuba siza kufika amagama ethu exhonyiwe. Sifike lingekho olo luhlu labantwana njengokuba besithenjisiwe, siquqe sibuyelela ukusukela ngoMvulo ukuya ngoLwesihlanu yilo nto sigqibe kwelokuba masenze imiheshuzo,” utshilo uKhanyiswa Dunjwa ongumzali oxhalabileyo.

UDunjwa uthi khange bazifumane iziphumo ebebezilindele, baye banikwa izikolo abangakhange bafune ndawo kuzo, abathi abazifuni kuba zikumgangatho ophantsi.

Endaweni yokuba banikwe kwizikolo ababebhalisele kuzo i-AW Barns, Hudson Primary, Stirling Primary ne-Aspiranza Primary. Baye banikwa iiVoorpos Primary, East London High kunye neGonubie Primary. Abazali bathi isiqinisekiso sokuba bazakufunda phi abantwana babo bazakusithabatha emva kweveki.

“Sisalindile asikafumani ndawo, abantwana bahleli emakhaya, kusemva kweentsuku ezisibhozo silindile ngoku, kwiintsuku ezilishumi elinanye esizinikiweyo zokulinda asikeva nto,” utshilo omnye umzali oxhalabileyo uNtombentle Mqolo.

Isithethi sesebe lezemfundo eMpuma Koloni uMali Mtima uthe: “Azikafiki iintsuku ezilishumi elinesine, sizakuhlala intlanganiso ngoLwesihlanu, apho sizakuwusombulula lo mcimbi uphathelene nabantwana abangekafumani zikolo.”

isibhalo@inl.co.za