Abantwana baseNyanga bantingela eSpain

BAZA kuntingela eSpain abafundi besikolo samabanga aphantsi, iNomlinganiselo Primary School eNew Crossroads eNyanga emva kokuba bephumelele ukhuphiswano lweDanone Nations Cup eRhawutini.

Esi sikolo sesokuqala eNtshona Koloni ukuphumelela le ndebe yabangaphantsi kweminyaka elishumi elinesibini. Le mpumelelo iza kubasa eBarcelona, apho baza kudlala kwitumente enkulu kwihlabathi kulo nyaka uzayo.

Bamkelwe ngovuyo ukugaleleka kwabo kumasango esikolo ngoMvulo. Inqununu yaseNomlinganiselo uBhejile Mzinda uthe bavuya kakhulu bengabazali kwaye bebengalindelanga ukuba bangaphumelela abantwana babo.

INomlinganiselo ibethe isikolo saseMpuma Koloni kumdlalo wokugqibela ngo5-4 kumapenalthi.

Ebalisa ngendlela abayihambileyo eya empumelelweni, ititshala yesi sikolo, nekwangumqeqeshi, uNtokoza Mazwi, uthe bekunzima kakhulu kangangokuba baphumelele ngo1-0 abathathu kwimidlalo yabo yegroup.

“Lo nto icacisa mhlophe ukuba bekudibene oompetha bamaphondo. Sizintshatsheli zoMzantsi Afrika ngoku. Siza kuya eSpain siyokumela ilizwe. Nalapho sijonge impumelelo. Asiyeli nje ukuya kuqokelela amava kuphela,” utshilo.

UMzinda uthe: “Ndiyavuya xa siza kubhalwa kwiincwadi zembali sisisikolo. Le mpumelelo iza kukhuthaza nabanye abafundi bazimisele njengaba. Le mpumelelo iza kwenza umahluko omkhulu esikolweni nasekuhlaleni.”

Uthe basokole kakhulu ngethuba bezilolongela le ndebe, kodwa ukuzimisela kwabafundi bakhe kubenze baphumelela.

“Besingavunyelwa nokuba sizilolonge kweli bala lilapha emva kwesikolo esi. Besizilolonga apha eyadini. Baqale ukusivumela emva kokuba siphumelele indebe yeDanone kwiphondo. Le mpumelelo ize ngokuzimisela kwabafundi. Le nto ibonakalisa ukuba kuninzi okulungileyo okunokuvela eNyanga.”

Umfundi oneminyaka elishumi elinesibini nobedlala kule tumente, uEntle Nikani, uthe ulibona liqaqambile ikamva lakhe kwibhola ekhatywayo. “Ndijonge ukuya kwiCape Town City ngoku. Siza kuya eSpain nalapho sifike siphumelele. Abawuvali umlomo abazali bam kukothuka,” utshilo.

UMazwi uthe le mpumelelo ibonakalisa ukuba sikhona isakhono nto nje kudingeka inkxaso.

ULydia Ncuthu nongumzali waseNew Crossroads uthe bayavuya xa isikolo sisiya phesheya kolwandle, esithi abantwana baza kutsho bazibandakanye nezemidlalo kwehle ubundlobongela eNyanga.

“Badinga ukunqwanqwadwa aba bantwana ukuze babengumzekelo nakwabanye. Ngubani owaziyo, mhlawumbi singaba nabethu ooBenni nooDoctor Khumalo, ndibala ntoni. Yile nto kanye bayidingayo le abantwana bethu. Kungatsho kuvuseleleke uthando lwezemidlalo kuphinde kugcwale emabaleni. Siyavuyisana nabo,” utshilo.

UMzinda uthe basalinde kubaququzeleli bendebe yeDanone ukuba babazise ngomhla abaza kudlala ngawo eBarcelona.

IDanone yaqala ukuququzelela iDanone Nations Cup ukususela ngo2000. Le ndebe yeyona inkulu yabaneminyaka elishumi ukuya kwelishumi elinesibini kwihlabathi. Bangaphaya kwe2.5 million abantwana abavela kwizikolo ezingama34 000 namaqela angama11 000 athabatha inxaxheba.