Abasetyhini basebenzisa usiba ukuze babhodle

ABASETYHINI mababhale amabali, izincoko nemibongo ngelizama ukubhodla oko kungaphakathi kubo.

Rhoqo ngonyaka, ukususela ngoka2005, iPOWA inike amanina ithuba lokubhala ngamava awo oxhatshazo nangendlela abhungce ngayo kulo mkhwa.

Le ngqokelela yamabali iye ifakwe kuvimba obizwa Breaking the Silence Anthology.

Kula mabali ala manina kukho athetha ngezivubeko zangaphakathi, udlwengulo, uxhatshazo lwasemakhaya, ukuzintyintya ngotywala, intswelangqesho, ithemba, ukubhodla intlungu engaphakathi nokunye okuninzi.

“Injongo yale Projekthi yokuBhala yaManina kukunika iqonga lokuzinyanga kuwo kwaye, ngaphezu kwako konke, liqonga elikhuselekileyo lokuthetha phandle ngeendlela ezohlukeneyo zoxhatshazo. Inika amanina ithuba lokucingisisa ngokwenzeke kuwo, kwaye kwangaxeshanye, baguqula ubomi babo, baphembelele indlela yokucinga nokuthatha izigqibo kwabanye abafazi abakwiimeko ezinje ngezi,” kutsho uThandiwe McCloy oyiManejala yezoNxibelelwano kwiPowa.

“Le Projekthi yokuBhala yaManina ikhuthaza abasetyhini, ngokusebenzisa ukubhala ukuba bazikhulule emakhamandeleni okungathethi, nekuthi oko kuphembelele uxhatshazo lwabo, ” kongeza uMcCloy.

UMcCloy uthi iBreaking the Silence yinkqubo yephulo le- #EndDomesticSilence.

Eli phulo lisungulwe ngoka2019 ngabakwaJoko bebambisene nePOWA.

“Injongo kukukhuthaza abasetyhini ukuba bangathuli mayelana neziganeko zodushe lwasemakhaya, kodwa bathethe, kwaye baxele, baze bafundise, bavundlise abanye ngodushe olo lwasemakhaya,” kutsho uMcCloy.

AbakwaPOWA nabakwaJoko bamemelela onke amanina oMzantsi Afrika jikelele ukuba afake amabali kuvimba weBreaking the Silence Anthology ka2021 no2022 obizwa Unroped.

Kulo nyaka, bafuna imibongo, amabali amafutshane nezincoko ezibalisa ngabo, bexela amava okugqitha kwiingxingongo neenkxwaleko.

“Bafuna amangenelo abona ingomso kwaye aphupha ngekamva elibonwa nguwe. Ukubhala ibali lakho yinto ekrelekrele nebubugorha kodwa ekunzima ukuyenza. Sonke sinoxanduva lokubuhlonipha nokububona ubugorha, kuthi nakwabanye, ” kutsho uMcCloy.

Abafuna iinkcukacha ezingezinye bangatyelela kwiwebhusayithi yePOWA engu-www.powa.co.za nakwikhasi likaFacebook elingu-POWA, elikaTwitter : @POWA_ZA nakwi-Instagram: @powa_za.

Umhla wokugqibela wamangenelo ngumhla wama31 kule nyanga yoKwindla 2022.

Onke amabali ayakuhlonitshwa kwaye akhuseleke.