Abemi boMzantsi Afrika abazibandakanya nomkhosi wakwaSirayeli banokubekwa ityala

Amajoni ngexesha lemfazwe phakathi kwamaSirayeli kunye neHamas eGaza.

Abemi boMzantsi Afrika bayabongozwa ukuba bangazibandakanyi nemikhosi yamazwe angaphandle nto leyo enokuba negalelo ekwaphuleni umthetho wasekhaya nowamazwe ngamazwe.

Kwingxelo ekhutshwe ngoMvulo wale veki, iSebe lezoBudlelwane baMazwe ngaMazwe neNtsebenziswano (DIRCO) lithi, uRhulumente woMzantsi Afrika ukhathazeke kakhulu ziingxelo zokuba abanye abemi boMzantsi Afrika kunye nabahlali abasisigxina bazibandakanye okanye bacinga ukuzibandakanya nomkhosi wakwaSirayeli (IDF) kwimfazwe eseGaza nakweminye imimandla yasePalestina eyayithinjiwe.

“Isenzo esilolu hlobo sinokuba negalelo ekwaphuleni umthetho wamazwe ngamazwe kunye namatyala angakumbi olwaphulo mthetho wamazwe ngamazwe, oko kuzabenza bajongane nengalo yomthetho eMzantsi Afrika.

“NgokoMthetho woNcedo Lwemikhosi Yamazwe Angaphandle, ka1998 (uMthetho onguNombolo 15 ka1998), nawuphi na umntu onqwenela ukunika uncedo kumkhosi wangaphandle eSirayeli kufuneka aqale afake isicelo kwikomiti yesizwe yolawulo lwezixhobo iNational Conventional Arms Control Committee (NCACC) eya kwenza isindululo kuMphathiswa wezoKhuselo kunye naMagqala oMkhosi ukuba eso sicelo samkelwe okanye saliwe,” itshilo ingxelo yeDIRCO.

Nabani na ozibandakanya neIDF ngaphandle kwemvume efunekayo yeNCACC waphula umthetho kwaye angatshutshiswa.

Ingxelo iqhuba ithi, uMthetho woBumi boMzantsi Afrika, ka1995 (uMthetho onguNombolo 88 ka1995) uthi ukuba nawuphi na umntu ofumene ubumi boMzantsi Afrika ongazalelwanga kweli ngokwemiqathango yaloo Mthetho uya kuyeka ukuba ngummi waseMzantsi Afrika ukuba ubandakanyeka phantsi kweflegi yelinye ilizwe kwimfazwe uMzantsi Afrika ongawuxhasiyo okanye ongavumelani nayo.

Imfazwe phakathi kweSirayeli kunye neHamas ekhokelwa ngamaqela omkhosi wasePalestina isaqhuba. Yaqala eGaza ukusukela ngomhla wesixhenxe (7) kweyeDwarha kulo nyaka kwaye malunga neshumi elinesithoba lamawaka (19 000) abantu ababhubhileyo ukuza kuthi ga ngoku.