Ibanjwe eMpuma Koloni indoda ebulele ilungu leCPF eKapa

ULulama Guffy Dinginto (56) olilungu leCPF eGugulethu eKapa nodutyulwe wabhubha kowabo kwiiveki ezimbalwa ezidlulileyo.

Ibanjwe isebhasini ngeCawa emva kwemini indoda engumrhanelwa malunga nokudutyulwa kubulawe inkosikazi yaseGugulethu eKapa eNtshona Koloni nebililungu leCommunity Policing Forum (CPF) uLulama Dinginto nobesaziwa ngelikaGuffy.

Ngokwengxelo ephuma kuCaptain Marius McCarthy ithi, le ndoda ibanjwe ngamapolisa eRhafu eMpuma Koloni kwibhasi ibisiya eKapa.

Ingxelo ithi abeqela lezobuntlola bafumene ulwazi kwiqela laseNtshona Koloni oluthi umrhanelwa uphumile eGqeberha kwaye usebhasini ejonge eKapa.

Amapolisa avingce zonke iindlela eziye zihambe iibhasi xa zisiya eNtshona Koloni. Le bhasi eRhafu ingene ngezithuba zentsimbi yethoba ebusuku nalapho aye wafunyanwa umrhanelwa wabanjwa.

UGuffy (56) nobenguSekelasihlalo weCPF eGugulethu eKapa udutyulwe ngomhla weshumi (10) kowabo kwigumbi lakhe elingasemva, labe usapho lwakhe lukwindlu engaphambili lumamele ngethuba lusiva izithonga zemipu.

Umrhanelwa uye wagcinwa eziseleni eMpuma Koloni emva koko wathunyelwa eKapa nalapho alindeleke ukuvela ezinkundleni zamatyala malunga netyala ajongene nalo lokubulala.