Ikhulu leminyaka unomathotholo eqhuba eMzantsi Afrika

Ikhulu leminyaka unomathotholo eqhuba eMzantsi Afrika.

Umhla weshumi elinesibhozo kwinyanga yoMnga ngumhla omkhulu kweli kuba ngumhla ekwaqala ngawo usasazo lukanomathotholo lokuqala eMzantsi Afrika.

Imbali ithi olusasazo lokuqala laqhutyelwa kwizakhiwo zondlunkulu yakwaRailway eRhawutini ngalomhla. Usasazo lukanomathotholo laqala luyinxalenye yenkampani kaloliwe iSouth African Railway ngelo xesha. Ukuqala kosasazo eRhawutini kwalandelwa kukuvulwa kwamanye amaziko eThekwini naseKapa ngo1924.

Ukuvulwa kwalamaziko osasazo kwezindawo kwabangela ukuba kamva kuzalwe iAfrican Broadcasting Company ngo1927, ngenyanga yeThupha ngo1936 kwazalwa iSouth African Broadcasting Corporation (SABC). Emva koko kwamiselwa iSABC isekelezelwe kumthetho owapasiswa yipalamente kazwelonke eKapa.

Ngo1979 kwasungulwa iCapital Radio kwaze ngo1980 kwasungulwa iRadio 702 ngokulandelana. Unomathotholo udlale indima enkulu ukukhulisa abantu boMzantsi Afrika ngeendlela zonke ngenkcubeko nangokolwimi.

Ukukhula kukanomathotholo kweli kwabengela ukuba kusungulwe amaziko athetha iilwimi zesiNtu kamva ngelizama ukunika ithuba kubantu abathetha ezolwimi. Ukunikwa kwezilwimi ithuba kwabangela ukukhula nesidima kwiilwimi zesiNtu nabantu abazithethayo.

Ngaphandle kokuba kunikwe uluntu ithuba lokusebenza nje ngabasasazi, kodwa bambi abantu abathetha iilwimi zesiNtu bakwazi ukubhala amabali nezinye izinto.

Ukukhula kosasazo lukanomathotholo kweli kwabengela ukuba kuzalwe amaziko osasazo kamabonakude ngokulandelana. Kumaxesha okuqala kosasazo kweli kwakusetyenziswa iindaba, amabali nomculo ophuma kumazwe afana neBritani.

UTanja Bosch yiNjingalwazi ejongene nezifundo zosasazo kwiYunivesithi yaseKapa. “Ngoku hamba kwexesha usasazo luguquke lakwinqanaba elihambelana neemeko zala maxesha, kodwa singatsho ukuba lukhulile usasazo eMzantsi Afrika,” kutsho uBosch.

Urhulumente wobandlululo phantsi korhulumente owawukhokelwe nguFW De Klerk wamisela umthetho onyanzela ukunikwa koluntu ukuba luvule amaziko asekuhlaleni.

Ngenxa yokumiselwa komthetho owawukhuthaza oku, avulwa kuzwelonke amaziko asekuhleleni enika ithuba kwiilwimi zesiNtu.

Ngaphandle koko, uninzi lwabafundi ababephuma kumaziko emfundo ephakamileyo bafumana amathuba okusebenza kuloo maziko asekuhlaleni.

La maziko ayejoliswe ukunika ithuba iinkqubo ezithetha ngemicimbi yezempilo nezinye ke iingxaki. Kunamhlanje ilizwe loMzantsi Afrika linamaziko asekuhlaleni adlala indima entle entlalweni angaphezu kwekhulu.

Abantwana abaphuma kumaziko emfundo ephakamileyo bayaqhubeka ukufumana amathuba okuzibonakalisa kuloo maziko.