Afanele ukohlwaywa amapolisa ekubhubha ugxa wawo ekhona!

Usekela-Mphathiswa wamaPolisa uBongani Mkhongi kutyelelo lwakhe eLingelethu West

Kapa: Usekela-mphathiswa kweli uBongani Mkhongi, uthi
akunakuculwa konwatywe xa unqevu ebulele ipolisa kodwa kulilwe, kuzilwe xa ipolisa
libulele unqevu. UMkhongi ubetyelele isikhululo samapolisa iLingelethu West
emva kwesiganeko sokudutyulwa kwepolisa ngethuba oonqevu bengene kwesa sikhululo
ngenjongo zokuphanga.

UMkhongi uthe: “Utyelelo lwam apha kukuza kulilisana nesi sikhululo
ngeli thuba linzima kangaka lokungena koonqevu kwindawo efanele ukuba
ikhuselekile.

“Amapolisa anikwa izixhobo ukuze azikhusele anqande
nolwaphulo mthetho, akukho polisa lifanele ukufa liphethe izixhobo zalo
zomsebenzi. Izixhobo mazenze umsebenzi wazo, afanele ukohlwaywa amapolisa
ekubhubha ugxa wawo ekhona, abe exhobile,  ze unqevu yena angafi.

“Kufike ixesha lokuba eli dabi silise kwiminyango
yezikrelemnqa ngoku.”

Nangona ethethe ngolu hlobo uMkhongi, uthi bafumana
ukugxekwa okukhulu xa besithi amapolisa mawadubule, abulale ezikhusela, kodwa
akukho mntu ubagxekayo oonqevu abadubula babulale amapolisa. Uthi akuna kubakho
siqinisekiso sokuba izixhobo ezisetyenziswe kwesi siganeko zezo zaphangwa
kwisikhululo samajoni esiseKhayelitsha.

Uthi ukubuya komphathiswa wamapolisa kuzakubakho
intlanganiso yamagosa aphezulu esipoliseni kwaye uzakuhambisa khona ingxelo
malunga nesi siganeko.

“Ndizokujonga apha kwesi sikhululo ukuba sisilela phi
kukhuseleko lwezikhululo zethu zamapolisa. Ukubhekela  phambili kunye kokokuba asizokuba nangxoxo
nezikrelemnqa kuba nazo azibi nangxoxo nathi.”

Usihlalo weKhayelitsha Development Forum uNdithini Tyhidi,
uthi beleli nqwanqwa bayaluvuyela utyelelo lukasekela mphathiswa, kuthetha
lukhulu kubo nakusapho lwepolisa elithe lonzakaliswa kwesi signeko.

“Olu tyelelo luthetha isiqalo sephulo lethu lokuzama ukufuna
iikhamera kwisixeko seKapa, ukuba ngaba bezikhona bekungazokuba lula ukuba kwenziwe
izinto ezikumila kunje. I-KDF sekulithuba imemelela ukongezwa kwezikhululo
zamapolisa eMakhaza naseThembani/Khwezi, siyavumelana namapolisa ukuba kukhona
ingxaki kwalapha kuthi ekuhlaleni ukuba kubelula koonqevu ukungena bayokuphanga
kwisikhululo samapolisa ekufaneleke ukuba yindawo ekhuselekileyo.”

UTyhido uthi banomnqweno welokishi ekhuselekileyo apho
ipolisa elinye lingakwazi ukunqanda ulwaphulo-mthetho, apho amapolisa amaninzi angaba
sekuhlaleni enqanda ulwaphulo-mthetho kunokuba abemaninzi ebeke iliso
kwisikhululo samapolisa.