Amabanjwa atyhola ngokunyhashwa kwamalungelo awo eBhayi

Nangona amabanjwa akwintolongo yaseSt Albans eBhayi etyhola ngelithi ayanyhashwa amalungelo awo kuba engavunyelwa ukuba azivocavoce nokunganikwa kwawo imvume yokuba atyelelwe, iSebe leeNkonzo zoLuleko lizikhaba ngawo omane ezi zityholo.

Amabanjwa athi emva kokuba kwahlaselwa unogada ngoSeptemba nyakenye kwaze kwabhubha elinye lawo, zange aphinde anikwe ithuba lokuphuma phandle aye kuzilolonga.

“Sivunyelwa ukuba masiphume xa sisiya kuphaka kuphela, kwaye nendawo leyo esiphakelwa kuyo igquba uthuli. Sikutya oko kutya kunesanti size emva koko sibuyiselwe esiseleni esigcina abantu abangama62,” litshilo elinye ibanjwa.

Likwathe le meko ichaphazela amabanjwa akwaMedium A no B kwanalawo akwa C Maximum kwaye bayangcungcuthekiswa ngamagosa edibene namapolisa.

“Iimeko ziqatha kakhulu apha, asinazingubo zaneleyo, kushota iibhedi kwaye izisele zimnyama thsuu, izindlu zangasese azisebenzi kunyanzeleka senze amacebo alusizi xa sizithuma,” limangale latsho eli banjwa lixelela I’solezwe LesiXhosa ngomnxeba.

Inkxalabo yamabanjwa yimpilo yawo kuba athi baninzi abachatshazelwa sisifo semiphunga iTB kwaye amanye anohlobo lweMDR-TB ekhawuleza iwathumele kwantsonganyawana amabanjwa.

Lithi izisele zabo zivalwe vingci kwaye banyanzeliswa ngamapolisa ukuba bakroze benze imithambo ze emva koko batyatyulwe kanobom ngeemvubu.

“Abanye bethu bagula kakhulu ngenxa yale mpatho igadalala siyifumana kwabomthetho. Bayiquma le meko ngokuthi yimilo yamaqela emiguvela ebangela ukonzakala kwamabanjwa bexoka. Amalungu amaqela wama 26,27, 28 ngawo amela amalungelo ethu,”

litshilo. NgoDisemba ka2016 kwaqhambuka umlo kwezi zisele ngethuba oonogada babebala amabanjwa, koonzakala oonogada abahlanu, kusenzakala amabanjwa angamashumi amabini anesihlanu.

Kwabhubha amabanjwa amathathu kweso sehlo, kwaye ngoku amanye amabanjwa agrogrisa ngokuphinda alwe ukuba le meko ayisonjululwa.

Eli banjwa lihambisa lithi bagcinwe kwesi sisele namabanjwa agwetyelwe ubomi entolongweni kwakunye nabo bajonge ukukhululwa ngengqawule kungekudala.

Othethela iSebe leeNkonzo zoKhuseleko, uSingabakho Nxumalo, uthe eli liqhinga lamabanjwa lokufaka uxinizelelo kurhulumente ukuba amapolisa abekwe apho ngenjongo – National Task Team (NTT). ]

“La mapolisa abekelwe isizathu apha kwaye asiyi kuwasusa de inzolo noxolo ibuyele eSt Albans. Amalungu eNTT akwazile ukucima udushe kweza zisele kwaye aza kuhlala ejonge imeko. Izinga lokuhlabana kwamabanjwa lehlile kuba kwenziwa ugqogqo mihla le nto leyo iwacaphukisayo amabanjwa,” uNxumalo utshilo.

Uthe imiqathango yesebe ayibavumeli ukuba bavimbe amabanjwa ithuba lokuzivocavoca namanye amalungelo.

“Asisayi kuvumela amabanjwa asixelele ukuba afuna ukuhlaliswa njani noobani okanye bazikhethele amaxesha okuziqeqesha ngokwamaqela afunwa ngawo. Iinjongo zokuba babelapha kukuba mabaqale ubomi obutsha balulekwe bajike izimilo,” utshilo.

UNxumalo wongeze ngelithi uthe isebe liphungula amanani kwimijiva ephuphumayo ze lithumele amabanjwa kwezinye iindawo ezingazelanga.

“Ukutshintshwa kwawo ke kubanga umsindo. Siwazisa ngethuba amabanjwa aza kutshintshwa, kwaye asiyonyani ukuba atshintshwa engazi.

isibhalo@inl.co.za