Amadoda aseAmathole alwa ubundlobongela

Amadoda asebenza kumasipala waseAmathole athi phantsi ngokuxhatshazwa koomama nabantwana

Iqela lootata kumasipala wesithili iAmathole lizeke mzekweni nalo lisilwa ukudlwengulwa, ukubulawa nokunkulwa kwabantwana kwakunye namanina okuthe gqolo kusenzeka kwiphondo leMpuma Koloni nakwilizwe liphela.

Oku kulandela emva kokuba bethe bathatha imizuzu yabo yexesha lesidlo sasemini bephuma besiya kuma ezitalatweni ngakwii-ofisi zonke zalo masipala bephethe amaqwakuqwaku abhalwe ngokuchasene nokuphathwa gadalala kwamanina, ngokuhambela nenyanga yamanina le sikuyo

“Sonke sinoxanduva singootata lokulwa kwanokukhusela oosisi bethu, oomama bethu kwakunye nabantwana bethu abangamantombazana. Sibone ukuba nathi singootata, sikwangabasebenzi baseAmathole, masivakalise elethu ilizwi kule nyanga yoomama. Singabambalwa kodwa sinethemba lokuba lona ilizwi lethu liza kufikelele pha napha kunjalo nje utshintsho lubekhona,” oko kudizwe nguSiyabulela Makunga, othethela umasipala iAmathole.

UBandile Gqwetha nongusihlalo weli qonga lamadoda ebeyinxalenye naye neli phulo lokulwa ukuphathwa gadalala kwabantwana kwakunye namanina.