Amagosa omkhosi abanjelwe ubuqhophololo

Amagosa ezokhuselo abambe abarhanelwa abathathu eTlokwe kulandela izityholo zobuqhetseba nobuqhophololo ekukholeleka ukuba zenzeke kwinkampu yomkhosi ekule ndawo ngo2008.

Isithethi somkhosi weli (South African National Defence Force [SANDF] uBrigadiya Xolani Mabanga uthi abarhanelwa babanjwe emva kophando oluthathe ixesha elide. “Olulwaphulo-mthetho lenzeke ngethuba kwakukhutshwe ithenda (tender) yokuba kufakwe icingo lokubiyela inkampu,” utshilo uMbananga. Ababarhanelwa bavele kwinkundla yamatyala yobuqhopholo yasePitoli ze banikwa ibheyile. Akukhange kucace ukuba ibheyile yeyamalini kwaye nomhla wokuvela kwabo kwakhona ubungekaziwa ngethuba sipapasha inqaku.