Amagqirha akhalela isihoyo eKapa

EKAPA: NANGONA kubhiyozelwa iveki yamagqirha kule veki izayo, umbutho obameleyo iTraditional Healers Association (THA) namagqirha, bathi umsebenzi wabo awukathathelwa ingqalelo ngokupheleleyo.

Kubhiyozelwa iveki yabantu abanyanga ngamayeza emveli kwiAfrika yonke ukususela ngomhla we26 ukuya kuma ngomhla wokugqibela kule nyanga. Le veki ibizwa ngokuba yiAfrican Traditonal Medicines Week.

ULulama Bhenge wombutho wagqirha, Abaxilongi, uthi ngekungcono ukuba olu suku belusaziwa ngumntu wonke, ingakumbi abantu abamnyama. “Lwaziwa sithi kuphela olu suku. Nditsho nkqu namanye amagqirha awalazi. Lo nto ithetha ukuba awukaxatyiswa umsebenzi wethu. Bekufanele ukuba sihamba ezikolweni noMphathiswa wezeMpilo sifundisa ngamayeza wesintu nokubaluleka kwawo,” utshilo.

Umakhwekhwetha wegqirha laseGugulethu eliyinzalelwane yaseDutywa, uNongoku “Mavula Kuvaliwe” Makinana oneminyaka engama82, nowathwasa eneminyaka elithoba, uthi kuse kude engqinibeni de urhulumente ayeke ukubafanisa nabo bakufundeleyo ukunyanga.

Ugxeka urhulumente ngokungabavumeli ukuba banyange izigulane zabo zide ziphile qete. “Bayakhala xa sihlalisa izigulane zethu ngeli xesha sizazinyangayo. Bafuna sifane noogqirha sibanike amayeza baphindele enkomeni. Kanti asisebenzi njalo thina. Siqala sithethe nabaphantsi basibonise iyeza lokunyanga eso sigulo. Siyaliboniswa thina iyeza ze sihambe siyo kuligrumba,” utsho.

UMakinana uthi lo nto ibangela ukuba bangabi nalo ithuba elaneleyo lokunyanga ngokupheleleyo. “Thina sinyanga izinto ezifana nokuthwetyulwa, umhlaza nokukhupha amashwa ebantwini. Awunakuzinyanga ngosuku ezo zigulo.”