Amahla ndenyuka kaSomashishini wasetyhini

UTamarah Zonda phambi kwendlu ayiqashileyo eMthatha nayisebenzisa namanye amashishini

Kuthathe iminyaka emine yonke yentswelangqesho phambi kokuba asithathele phezulu isakhono sakhe kwezoshishino uTamarah Zonda, 43, waseLibode kwilali yaseMphangana, nothi kukungoku ishishini lakhe lokuthunga liphinde libe sisikolo liqeshe abantu abalishumi abasisigxina kunye nabanye abalishumi abamane bembamba xa bedingeka.

Lo kaZonda uthi ukhule enephupha lokugqiba esikolweni atsho atshintshe isimo sakowabo.

Uthi yena ngeli xesha afundayo bekulindeleke ukuba iphinde ibe kwanguye ozisa into esiwa phantsi kwempumlo kokwabo.

“Ndaye ndafika apha eMthatha emva kokuphumelela ibanga leshumi, kwaye kwanyanzeleka ukuba ndifunde ndiphangela ngoba bekujongwe kwakum ekhaya,” utshilo.

Uthi akazazi wawafumana phi amandla wokuba abe ngumzali kowabo, aphinde aphangele kwenye yeevenkile ezithengisa ukutya abe ejongene nezifundo zakhe.

“Mna ndisafunda andiyazi into ekuthiwa yitextbook ngoba yayingekho imali yoba ndikwazi ukuzithengela, qha ndabe ndiqhutywa yile nto indiqhubayo yokufuna ukutshintsha isimo sasekhaya,” utshilo lo kaZonda.

Uthi wazama ukugcina imali eyiR500 neyaba yiyo eyathi yamphungulela umthwalo kancinci.

“Ndathatha iR500 endiye ndayibeka ngokuphangela evenkileni ndaya eThekwini apho ndafika ndathenga izihlangu ndabuya ndazozithengisela abantu apha eMthatha,” wongezile uZonda.

Uthi uqhubekile engumathenga ethengisa wezihlangu emva kokugqiba kwakhe izifundo zeHuman Resource kodwa wabe ezimisele ekufumaneni umsebenzi wale nto ayifundeleyo, qha yaphela iminyaka yade yamine okokoko ebhuqa ebuya nelize engawufumani tu umsebenzi.

Uthi kuye kwanyanzeleka abuyele eMbo ngoba ebehleli eyazi imali yokuthunga kwakumama wakhe kwaye yabe seyiyinto esondele kakhulu entliziyweni yakhe leyo.

“Ndaye ndacinga ukuba kanene ikhona imali xa ungumntu othunga kakuhle izinto zabantu ngoba umama ebeyifumana imali kule nto yokuthunga. Yabe sele iyinto endiyithandayo nam. Ndatsho ndahamba ndayokufuna isikolo sokufunda ukuthunga nalapho ndafika ndenza idiploma yeFashion Designing,” utshilo uZonda.

Uthi emva kokuba ezigqibile nezo izifundo waye wayizama inkxaso kamasipala kwacaca ukuba uyatyekezwa ngelokuba ekwishishini yedwa engeyiyo inkampani yobambiswano lwesininzi (co-op).

“Ndayikhalala inkxaso esuka eburhulumenteni ngoba ifuna ndisebenze kunye nabanye abantu, hayi wonke umntu uyazimisela kwaye andinokwazi ukuthatha le nto iyeyam ndiyoyibeka emagxeni wabanye abantu,” utshilo uZonda, ethethelela isizathu sokuba engafuni ukungena kwishishini lobambiswano.

Uthi ishishini lakhe waliqala engenanto kodwa walikhulisa lakwazi ukuzisa amathuba engqesho.

“Xa ndithi ndingaxhaswanga ngumntu ndikwazi ukuqesha i10 yonke yabantu endibarholisa rhoqo ngenyanga. Xa ndinokuxhaswa ngoku ndimdala kangaka ndingawaveza amathuba amaninzi ngaphezu kunala ngoba ndizobe ndinezixhobo ezoneleyo zokusebenza,” utshilo uZonda.

Uthi iyamothusa into yokuba kuthiwe ngoku sele emdala akanokwazi ukufumana inkxaso yamashishini asakhasayo.

“Kuthetha amava la wam awanondincedisa ekukhuliseni ishishini endixhaswe kulo? Hayi noko ngale mfundo kunye nawo ndingenza ngcono,” uzibuze eziphendula uZonda ngethuba ebalisa ibali lakhe.

Uthi udinga izixhobo ezifana noomatshini bokuthunga kunye nendawo enkulu emva koko uyokunqandwa sisibhakabhaka.

Uphinde wathi uyalibongoza ulutsha ukuba lingahlali nje lilinde ukuqeshwa ngoba imisebenzi iye inqongophala.

“Ingase ulutsha lwasetyhini nalo liyiphaphele into yokuvula amashishini azothi adale amathuba emisebenzi kwiindawo abasuka kuzo. Xa ikhona indlela yokuba umntu abe ngumqashi makayithathe,” utshilo uZonda.

Lo Mphathi weAFTZ nesisikolo sokuyila iimpahla uthi kufuneka ngoku kuleqwe amathuba okukhulisana bengabasetyhini ngoba ootata basebenzisa bona ukufumana amathuba ngcono.

Ishishini likaZonda lithengisa oomakufanwe kwizikolo ezingqonge uMthatha, siphinde isikolo sakhe sifundise ukuthunga.

isibhalo@inl.co.za