AmaKwayi abufuna apha ubukumkani bamaXhosa, kwincwadi entsha

“AmaKwayi ngabantwana begazi likaKumkani uNgconde wamaXhosa. Sithi ebekumele ukuba siphethe namhlanje. Sithi iqhayiya lamaTshawe!” – lo ngumxholo wencwadi entsha ebhalwe nguNkosi Vela Balfour-Noyi.

Inene, inyathi ibuzwa kwabaphambili kwaye besinganqwenela ukuba namphi na umzali ontsundu akwazi ukushiyela abantwana bakhe ilifa elifana neli; incwadi elanda imbali nomnombo wesizwe selo sapho.

Nokuba ke kukho abanokuwuphikisa umxholo lowo, iinyani zona zakuhlala zihleli kwaye abantwana abo bakuzazi kakuhle iingcambu zabo.

Kule ncwadi, esihloko singu “The Constitutional Revolution of AmaKwayi kaNgconde” owayesakuba ngumantyi waseGcuwa naseDutywa, uNkosi Balfour-Noyi ulwa eli dabi lobukumkani bamaKwayi kaNgconde. Le ncwadi iphantse ayabikho ngoba koka-2005 ukuyokutsho koka-2008 wayegulela ukufa umbhali lo.

Ekusindeni kwakhe waleqa eli dabi lobukumkani lamaKwayi kaNgconde, etshutshisa amagosa karhulumente nepalamente ngeeleta ezifuna baqwalaselwe njengezona nkokeli zemveli emaXhoseni.

Sifumanisa ukuba iyantlukwano kwindlu kaTshawe yayiphenjelelwa nguHleke noMdange abathi basebenzisa uTshiwo ekubhuqeni uGandowentshaba (Gando) kubukumkani bamaXhosa.

Emveni koko bathi uTshiwo yeyona kumkani elandela uKumkani uNgconde. Asuke apha ayokulanda imbali yamaKwayi – ngoobani? babesuka phi?

Lisuka phi neli gama labo. Ekwenzeni njalo ulanda nomnombo kaCirha achaze nokuba uKrila lo wadibana phi nobukumkani yena sekusithiwa ngamaBamba nje.

Nezinye izizwe kuyangenwa kwimbali yazo, nangona kungangenwa nzulu. Ingayintoni ke incwadi engamaXhosa enganabo ubuKrestu kuyo?

Nakule likhona igama likaMfundisi uVan der Kemp nelikaMfundisi uBennie abadlala indima enkulu ekugululeni iinkokeli zangoku – zibangenisa kwinkolo yobuKrestu.

Igama likaXolilizwe Sigcawu lithi gqi kaninzi kule ncwadi kwaye kubonakala ngathi yena wayevumelana noku kukhankanywe kule ncwadi. Kuthi ibe lulutho ukufunda incwadi elolu hlobo.

Ewe, bakho abangazokuvumelana nokubhalwe ngumbhali. Kukho abo bazakuthi makwamkelwe ubukumkani obu bukaMpendulo Zwelonke Sigcawu namhlanje.

Enye nenye kukusibuyisela emva ngezinto esizazi ngokubaliselwa ngabelungu abafana nooJeff Peires kuphela.

Njani ukuba imbali yakho uyibhalelwe kwangulowo wayesakuba ngumcinezeli wakho kwaye ungabinazo neentloni zokuboleka kuye xa uzilanda?

Mhlawumbi le ncwadi iyakuqhawula loo mibuzo injalo ngoba yona ibhalwe ngumntu ontsundu, eyilanda ngokosapho lwakhe le mbali.

Singayigxeka ngento enye kuphela le ncwadi; ibhalwe ngesiNgesi. Hayi isiNgesana nje, kodwa isiNgesi esintsokothe mpela nesibonakalayo ukuba siphuma kumboko womntu ofundele ezomthetho.

Oko ke kuyenza ibe nzinyana, ngoba ikusa ngapha nangapha, igxininise ezinye izinto ngesiLatini, kubekho amachaphaza nje amancinci esiXhosa kuyo yonke.

Ubungqina nezinye izibhalo ezilandela eli dabi zifumaneka kwa kule ncwadi emva; apho nabani na anokufunda iinzame zikaNkosi Balfour-Noyi neempendulo awayegagana nazo.

Yona incwadi le ayizami kwa-ukuwufihla umxholo wayo; ubukumkani bamaXhosa bobamaKwayi kaNgconde.

Le ncwadi ifumaneka ngeR300 kuNkosi Vela Balfour-Noyi ku 073 176 1487 okanye ngembalelwano yombane ku: sontobalfour@gmail.com

*Singathanda ukuva uluvo lwenu ngalo mxholo usingathwe kule ncwadi, ningasithumelela uWhatsapp okanye iSMS ku 063 743 9538. Sakuzipapasha kwiphepha leveki ezayo izimvo zenu.