Amapolisa akhangela izidlwengu ezibini zaseDelft

EKAPA: AMAPOLISA acela abahlali bancedise ekukhangeleni amadoda amabini atyholwa ngokudlwengula eDelft.

Amapolisa athi omnye umrhanelwa ngunoteksi otyholwa ngokudlwengula ibhinqa elingazange livume ukukhwela iteksi yakhe kweyeDwarha kulo nyaka uphelileyo.

“Eli bhinqa lalikwisitalato saseMfuli eDelft lisendleni eya kwisihlobo salo xa unoteksi emisa elicela ukuba likhwele. Eli bhinqa laye labaleka kodwa lo noteksi walileqa de walifumana, walinyanzela ukuba lingene ngenkani. Waqhuba ze wamisa, walidlwengula esebenzisa ikhondom,” sitshilo isithethi samapolisa uPinkie Batwa.

Kwesinye isiganeko, enye indoda ityholwa ngokudlwengulela ibhinqa ethafeni ngomhla we22 kweyoMnga. “Ngokutsho kwexhoba, le nto yenzeka ngentseni yange-22 malunga nentsimbi yesibini ekuseni ehayikha phakathi kweBorcherds Quarry naku N2 waze wamiselwa ngunoteksi. Wamthatha wamsa eHague eDelft apho wamdlwengulela khona ethafeni nakwiQuantum emhlophe,” utshilo uBatwa.

Usihlalo wamapolisa okuhlala eDelft uReggie Mart, uthe le nto ibahlalisa exhaleni abahlali bale ngingqi. “Andisathethi ke ebusuku, ababhinqileyo bazivalela ezindlwini. Bayakhaphana xa behamba nokuba baya kufuphi nalapho bahlala khona. Kangangokuba siyasebenzisana namapolisa ukuzama ukubamba ezi zidlwengu zigqugqisa le ngingqi,” utshilo.

UMart uthe baza kuvuselela ukupatrola ukuqala xa lisithi ndithenge ilanga de kuse. “Bakhona esebevumile ukuzibandakanya. Ntonje sisaxoxa namapolisa malunga nenkxaso ngoba nabo kufuneka bejongiwe kuba sithetha ngabantu abaqhuba iiteksi apha. Lo nto ithetha ukuba banayo imipu,” utshilo.

ULitha Booi uthe alikudanga kuye elabhinqa ladlwengulwa kweyoMnga. “Lo nto yatsho yasenza nathi sanexhala ngoba kucacile ukuba iyeza nakodade bethu. Yinto entle endicinga ukuba ingasisisombululo le yokuhamba ebusuku sikhusele oodade bethu. Ndiza kuzibandakanya nam,” utshilo.

michael.nkalane@inl.co.za