Amapolisa eMatatiele azingela ababulali kwisikolo

Isikolo sentlekele iMt. Hagreaves Senior Secondary eMatatiele Umfanekiso: Uthunyelwe

AMAPOLISA aseMatatiele akwiphulo lokuzingela isine sabarhanelwa
esibulele unogada, sadlwengula iintwazana ezimbini kwisikolo iMt. Hagreaves
Senior Secondary kula mmandla.

 Isithethi samapolisa kula mmandla uKapteni Raphael Motloung ithi,
lamadoda afike ezinzulwini zobusuku kwesi sikolo ngoLwesithathu ahlasela unogada
obesemasangweni esikolo ngokuthi bamphose ngelaphu ebebeliphethe emva koko
 bamgqebha ngehamile entloko wabhubha.

 UMotloung uqhube wathi, “Emva kokuba bembulele bathathe umpu walo nogada
bayokungena kwigumbi elilala ootishalakazi babanyanzelisa ukuba bavule
kumagumbi aneeKhompyutha bebakhombe ngesi sibham. Emva kokuthatha iikhompyutha
baye kumagumbi alala abantwana abangamantombazana, badlwengula isibini samaxhoba
aneminyaka ephakathi kweshumi elineSixhenxe, neshumi elineSibhozo leminyaka
ubudala.”

 Esi sine sifunwa ngezityholo eziquka ukubulala, ukudlwengula, ukuthatha
umpu wonogada ngaphandle kwemvume, nokuphanga bexhobile.

Abanokunika umkhondo bayabongoza ukuba baqhakamshelane namapolisa aseMaluti
kwinombolo yomnxeba ethi, 039 256 3800. Abafundi besisikolo baye bathunyelwa
kumakhaya abo, ngelixa isibini esingamaxhoba okudlwengulwa sibalekiselwe kwisibhedlele
kwalapho.