Kubhubhe oonqevu abahlanu eNtabankulu!

AMAPOLISA eMpuma Koloni, adubule abulala isihlanu
sabarhanelwa eNtabankulu ngolwesithathu wale veki.

Esi sihlanu sigquzulene namapolisa sizama ukuqhekeza ubhazabhaza
wevenkile wokutya okwidolophu yaseNtabankulu.

Isithethi samapolisa alammandla uKenel Mzukisi
Fatyela uthi, amapolisa ahletyelwe ngabahlali ukuba kukho amadoda amahlanu, axhobe
afohlela ngemipu eceba iyelekenqe lokuqhekeza kwishishini elo.

Amapolisa aqaphela imoto enabakhweli abahlanu ngaphakathi,
bathi basakubona ukuba balandelwa ngamapolisa baqalisa ukuthulula ngeembumbulu
kwinqwelo leyo yamapolisa, namapolisa abuyisa ngezawo kubarhanelwa, uthethe
watsho uFatyela. Ukwathe, kolongquzulwano kudutyulwe ipolisa elinye esifubeni
kodwa lasinda kuba belinxibe isikhuseli seembumbulu.

Bobahlanu ababarhanelwa bakwiminyaka ephakathi kwamashumi
amabini anesihlanu ukuya kumashumi amathathu ubudala.

Ngokokutsho kukaFatyela aba barhanelwa
bayabandakanyeka nakwamanye amatyala olwaphulo mthetho eMthatha nasePort
St Johns. Zozibini
izithuthi, esanapolisa, kwakunye neso besihamba abarhanelwa zidlakadlaka
ziimbumbulu.