UMbeki uphendula kwizigxeko zobumongameli bakhe

Owayesakuba ngumongameli weli uThabo Mbeki, exhagwe yinkulumbuso yeMpuma Koloni uPhumulo Masualle, kwakunye noNjengele Derrick Daliwonga Mgwebi ngasekhohlo Umfanekiso: Michael Pinyana

OBESAKUBA nguMongameli weli uThabo Mbeki usebenzise
intetho yakhe ayenze kuGatyana ukuphendula kwizigxeko ezithi ebexhalabe
yiAfrika endaweni yoMzantsi Afrika ngethuba engumongameli.

UMbeki ebethetha kwilali yaseMhlahlane
kuGatyana kumsitho wokubhiyozela ukutyunjwa kukaNjengele Derrick Daliwonga
Mgwebi njengenkumanda yomkhosi weZizwe eZimanyeneyo wogcino-cwangco
eDemocratic Republic
of
Congo.

UMgwebi utyunjwe ngunobhala-jikelele weZizwe
Ezimanyeneyo uBan Ki-Moon ngoDisemba wonyaka ophelileyo.

UMbeki uthi uyazingca ngokutyunjwa kukaMgwebi
yaye uyathemba ukuba uza kuza notshintsho eDRC.
“Zininzi iingxaki ezijamelene neDRC. Kodwa
njengama-Afrika asikwazi kuyinikela mva iDRC kuba likhaya lethu,” utshilo
uMbeki.

Uthi yena akazithathi njenganzalelwane yaseMpuma
Koloni koko uzithatha njengommi wase-Afrika. “Kukho abantu abebesithi mna
ndizixakekise ngeengxaki zase-Afrika. Abantu abanjalo abayazi ukuba le nto
ilikhaya yintoni. Ikhaya lethu yi-Afrika,” utshilo uMbeki.

Ethetha kulo msitho uMgwebi uthe uyaluqonda
uxanduva ajongene nalo kodwa uyavuya ngamazwi enkuthazo amane ukuwafumana.