‘Amasela mawaphume kuMasipala waseMnquma!’

UNdyebo Skhelenge emamele uxwebhu lwezikhalazo kuNqaba Bhanga weDA UMFANEKISO: ANELE RAZIYA

UMbutho iDemocratic Alliance (DA) eMpuma Koloni ufuna uchithwe uMasipala waseMnquma eGcuwa ukuze kuyiwe kunyulo lovalo-zikhewu.

Oku kulandela emva kokuba lo mbutho ububambe umgcelele ochasene norhwaphilizo eGcuwa izolo.

Inkokeli yeDA ephondweni, uNqaba Bhanga, uthi luyahexa ulawulo laseMnquma kwaye lo nto ibangelwa ziinkokeli “ezingamasela nezingena sakhono sokhokela”.

UBhanga uthi nangoku kuyavakala ukuba abasebenzi basengxakini yokuba bangangarholi xa kuphela inyanga ngenxa yokuba imali irhwaphilizwe ziinkokeli zalo masipala.

“Amasela mawaphume kuMasipala waseMnquma kuba ngawo arhwaphilize imali yaphela, nangoku kulindeleke ukuba abasebenzi bangarholi xa kuphela inyanga,” kutsho uBhanga.

Uthi abayifuni into yokuba uMasipala waseMnquma ufakwe phantsi kolawulo lukarhulumente wephondo njengoko uMphathiswa woomasipala, uFikile Xasa ebetshilo.

IDA ithi ifuna achithwe qha uMasipala waseMnquma kuba kudala wabaneengxaki zokutyiwa kweemali kwakudala.

UBhanga uthi abantu baseMnquma mabahlukane nento yokuvotela iinkokeli ezingamasela kwaye mabakhuphe i-ANC kulawulo bafake iDA yona ezakujongana neemfuno zoluntu.

Obesamkela uxwebhu lwezikhalazo endaweni kasodolophu, uNdyebo Skhelenge, uthe ziyinyani iingxelo zokuba abasebenzi baseMnquma basengxakini yokuba bangangarholi xa kuphela inyanga.

“Ewe, ikhona ingxaki yokuba umasipala waseMnquma awunamali yokubhatala abasebenzi kodwa ndithetha nje sizama ngandlela zonke ukulungisa lo nto,” utshilo uSkhelenge.

Uthe ezinye iziphakamiso ezibhalwe kuxwebhu lwezikhalazo ezifana nokuba kugcwele iinkokeli ezihlohla kwezazo izisu bazakuziqwalasela xa benendibano ukuze baphendule.

USihlalo we-ANC kwingingi yaseMnquma, uNdoda Mesani, uthi zonke izinto ezithethwe yiDA zorhwaphilizo eMnquma zezi ziliwa yi-ANC kuba nangoku kukho amadoda azakuvela ezinkundleni zamatyala ngenxa yeethenda yeR10 million.