AmaTshawe: UKumkan’ uZwelonke akaswelekanga, ukhothamile

UNkosi Dalukhwezi Dondolo exhawulana noNjengele Bantu Holomisa Komkhulu eNqadu kuGatyana UMFANEKISO: SITHANDIWE VELAPHI

“IKumkani ayisweleki, iyakhothama. Xa inokusweleka kungathetha ukuba nesizwe sayo kuphelile ngaso.”


Oku kuthethwe yenye yeenkosi zamaTshawe ecaleni kobuhlanti kwiKomkhulu lamaXhosa eNqadu kuGatyana ngoLwesine, ibikela I’solezwe lesiXhosa ngomphanga wokukhothama kukaKumkani Mpendulo Calvin Zwelonke Sigcawu (51).

Emva kwemini ngoLwesine, iinkosi zamaTshawe bezithe nqwadalala ngasebuhlanti logama amakhosikazi aKomkhulu ebesendlini ezilile, emana ukwenzela iti abo baphuma bengena kweli Komkhulu emva kwezi ndaba zibangele umothuko kwisizwe samaXhosa.

IKumkani ikhothamele kwisibhedlele iNelson Mandela Academic eMthatha ngentseni yangoLwesine. 

EbeseMthatha elindele ukuthathwa yinqwelontaka ukuze imse eChief Albert Luthuli eThekwini.

Ngethuba ekhothama ebekunye nenkosikazi yakhe uKumkanikazi Simanye Sigcawu kwanamaphakathi aKomkhulu.

Elinye lamaphakathi uNkosi Zanenkululeko Salakuphathwa uthi iKumkani ibonakalise iimpawu zokungaphatheki kakuhle ngokuhlwa kwangoLwesibini, ze kwenziwa iinzame ngoLwesithathu ukuba aye esibhedlele.

“Sothuke kakhulu, kuphele nobuciko, amazwi aphelele emqaleni. Ewe siyayazi ukuba kule minyaka imbalwa ebekhathazwa yimpilo kodwa eyokukhothama besingakhange siyifake engqondweni,” kutsho uSalakuphathwa.

Inkokheli yeUDM uBantu Holomisa ngomnye wabazili ogaleleke eNqadu ngoLwesine.

“Ndiqale ukubona kwimithombo yabeendaba ukuba iKumkani ikhothamile. Ndothuke kakhulu, kuba bendingayazi nokuba ayiphilanga mna, ndive ngo[Nkosana] Xhanti Sigcawu ukuba iKumkani ibikhathazwa yimpilo,” utshilo uHolomisa.

UHolomisa uthi into ayakuhlala ekhunjulwa ngayo uKumkani kukukholosa ngesizwe sakhe. 

“Ebeyithanda into edibene nophuhliso kwisizwe sakhe futhi xa ebona ukuba alukho, njengokuba sibona kwiphandle ebelifudula lisaziwa njengeTranskei.”

Ngomso (uMgqibelo) amaTshawe aza kuba nendibano ukuxoxa phakathi kwezinye zezinto amalungiselelo omngcwabo kuquka nekamva leKomkhulu.