Uqeqesho kwabafuna ukulingisa eMonti

Umdlali kamabonakude uZikhona Sodlaka UMFANEKISO : Facebook
ABO banomdla wokungena kwicandelo lezobugcisa, ingakumbi ukulingisa kwimidlalo kamabonakude, baza kube bexhonkxwa eGuild Theatre ngomso ngusaziwayo kwimidlalo kamabonakude uZikhona Sodlaka.

USodlaka, okwabhiyozela ishumi elinesihlanu leminyaka kwicandelo lokulingisa, uza kube esabelana ngolwazi oluphangaleleyo kwezokulingisa – okuquka ukubhala, ukuprodyusa nokuvelisa umdlalo kamabonakude kolu qeqesho alubiza iMaster Class. 
USodlaka betyelele I’solezwe lesiXhosa eMonti ngale ntsasa, nalapho avakalise ukuba iMpuma Koloni ifike kuqala  engqondweni yakhe xa ebecinga ngalo mbono.
“Ibe yingcinga embi kum eyokuqala kwenye indawo, ingelilo iphondo lam,” kutsho uSodlaka.
Uthi nangona engafumananga nkxaso ndawo ngokwenza lo mbono, uzive efuna ukuyitshay’ isaqhuma.
Lo mdlali kamabonakude waziwa kwimidlalo eliqela kumabonakude efana noTshaTsha, Generations, Igazi neSoul City.
Uthi ukhangela abo banomdla wokulingisa abaqala kwi16 ukuya phezulu ngokweminyaka. 
Le nzalelwane yaseMthatha iceba ukwenza ezi Master Class Acting kwiidolophu zonke ezinkulu zeMpuma Koloni kunyaka ozayo. 
Ubhaliso luqala ngecala emva kwentsimbi yesibhozo kusasa ze uqeqesho luqale ngeyeshumi.