AmaWesile akhalimela ukunukunezwa kwamanina nabantwana

zokuphathwa gadalala kwabantwana kwakunye namanina zithe gqolo ukonyuka nangoku sele kusenziwa amatiletile emingcelele luluntu ekuhlaleni, nangoku sele kukho namaphulo afana neli sikulo leentsuku ezilishumi elinesithandathu zokulwa ukuphathwa gadalala kwabantu ababhinqileyo nabantwana (16 Days of Activism of No Violence Against Women and Children).

Oku kubangele ukuba wonke umntu ongutata eUnited Methodist Church of Southern Africa kwisithili saseGcuwa aphakame ukuvakalisa ilizwi labo kwezi zenzo zimasikizi.

UBishop Thanduxolo Mgidlala weli bandla, ethetha ngeCawa kwizitalato zedolophu yaseGcuwa ngethuba eli bandla kwakunye namanye ala dolophu afana neRhabe ebambe umngcelele ukuya kwisikhululo samapolisa eGcuwa, uthe lixesha lokuba bancedisane namasebe ajongene nokunqanda kwanokulwa ukuphathwa gadalala kwabantu ababhinqileyo kwakunye nabantwana.

“Injongo ikwakukuqwalasela nezimilo zabantu abangootata ngaphakathi ebandleni ukuzama ukulwa impatho gadalala koomama. Sithe nathi egameni le bandla masivakalise ilizwi singootata, sisithi ukuhlukunyezwa koomama nabantwana akwamkelekanga konke konke. Sinqanda lo mkhwa mbi uye ukhula kweli phondo,” utshilo uMgidlana.

La mabandla ase uxwebhu lwawo lwezikhalazo kwisikhululo samapolisa. Olu xwebhu ngaphakathi luqulethe okuninzi okufana nokuba mawaqwalaselwe kwaye athathelwe ingqalelo amatyala afana nokubulawa, kudlwengulwe oomakhulu, abantwana kwakunye noosisi, esenziwa ngabasondeleyo kubo kwaye abacinga ukuba ngabakhuseli babo.

OnguMnxulumanisi kweli bandla uNcedo Mahanjana, uthi babone ukuba mabashukume kuba zininzi iziganeko zohlukumezo lwababhinqileyo kummandla waseMnquma, ebalula isiganeko saseZingqayi eGcuwa senkosikazi uNoluvuyo Ndema-Nonkwelo (35) obulewe ngumyeni wakhe, akugqiba wamngcwaba kwalapha ngaphakathi endlwini yabo.

Uthi imasikizi le nto kungoko beheshuza, befuna ukuba singaze siphindeke esi siganeko.

UMgidlalana uthi bakhuthaza uluntu ekubeni luthethe phandle, esithi umtshato okanye ubudlelwane bakho subuhombisa, wenze ingathi kuhle ube ulala ngeenyembezi.

“Sikhuthaza ukuba kuthethwe, lowo uva shu athethe kulowo amthembayo umntu akwazi ukufumana icebo noncedo. Kuba ukuthula kuko okude kufikelele ekubeni kubekho ofayo. Nootata bayahlukunyezwa nabo, siyabakhuthaza ekubeni bathethe kwabo babathembileyo bangoyiki. Siyayazi ukuba hayi onke amadoda mabi, akhona akhathalayo, akhona angenantliziyo zimbi, silwela ukuba sonke isizwe sitshintshe, umntu obhinqileyo azive ekhuselekile ngamaxesha onke.’’