Ubomi ejele kowancedisa ekubulaweni kwetitshalakazi

Ubomi ejele owancedisa ekubulaweni komfazi kasomashishini

ULuthando Siyoni waseGqeberha uza kuchitha ubomi bakhe ejele emva kokugwetywa yinkundla ephakamileyo yamatyala ala mmandla malunga nokubandakanyeka kwakhe ekubulaweni kwetitshalakazi yaseKariega uJayde Panayiotou.

Le titshalakazi ngunkosikazi kaChristopher Panayiotou ongusomashishini eGqeberha.

Wabulawa ngo2015 enamashumi amabini anesithoba eminyaka ubudala. Waxhwilwa ekuseni ephangela phambi kwendlu yabo eKabega Park ngelixa elinde imoto emthuthayo xa ephangela. Umzimba wakhe wabhaqwa kusakusa kwifama eseRocklands eKariega enamanxeba amathathu embumbulu enqentsu. USiyoni waba ngumrhanelwa wokuqala ukubanjwa kweli tyala ngooKhetshe ngo2015. Kulapho waye wachaza yonke into ayaziyo neyokuba ngumyeni wexhoba obathumileyo ekubeni babulale inkosikazi yakhe. Kwinkundla wadiza ukuba yena owakhe umsebenzi yayikukukhangela umntu oza kubulala uJayde.

USiyoni wabhatalwa nguChristopher imali engangeR80 000 ekubeni akhangele lo mntu (inkabi) ozakuthi enze lo msebenzi lula.

USiyoni wafumana uSizwezakhe Vumazonke. UVumazonke wabhubha ngeyoMsintsi ka2016 phambi kwetyala lakhe.

UJaji Vinesh Naidoo ubone kufanelekile achithe ubomi uSiyoni entolongweni. UChristopher, nongumyeni, naye wagwetywa ubomi ejele ngo2017. Abanye ababini ababebandakanyeka nabo kweli tyala nguSinethemba Nenembe kwakunye noZolani Sibeko nabaye bagwetywa ngo2017. UNenembe wagwetywa ubomi naye, ngaphezulu yaba yiminyaka elishumi elinesihlanu malunga netyala lokuxhwila nokubulala. USibeko wagwetywa ishumi elinesihlanu kuphela. Umlawuli kwezoTshutshiso uBarry Madolo, uqhwabele izandla oogxa bakhe bonke abebephanda ngeli tyala kwanemiphumela emihle yeli tyala.