#ANC 106 Entertainment: Lulonwabo lodwa eMonti!

Mahoota

Blomzit Avenue

Oku kuhambisana namalungiselelo emibhiyozo elikhulu elinesithandathu ye-ANC nezakubanjelwa eBuffalo City Stadium ngoMgqibelo.

Oyinzalelwane yeMpuma Koloni osele engusomashishini eRhawutini uXolisile “GQue” Guqaza oququzelela umnyhadala wolonwabo obizwa ngokuba yiANC 106 Entertainment uthi, ufuna abantu abazakube besuka kumanye amaphondo bazive besekhaya kwaye bonwabile. Uthi olu lonwabo lakuthabatha iintsuku ezintathu apho kuzakube kukhuphisana ooDJ abaphuma kumaphondo eli loMzantsi Afrika afana nelaKwaZulu -Natal kwakunye naseRhawutini.

Abo-DJ baziwayo bafana noMahoota, Somebody, Mawela, DJ Choice, DJ Ally, Floyd, Pastor Nozewu, DJ Socks, Kabila, Bongs, Blomzit Avenue, Welo, Nunuza, Black Man, PK kwakunye noYoba.

Wena mthandi wolonwabo ungaziphosanisi nolonwabo!