#ANC106: Izigwili nomgwenye kubusuku boonokutsho

Kumfanekiso obumnyama-bumhlophe nguPatrice Motsepe kwitafile yoonokutsho

Ibibubusku boonokutsho, umntu eyazi itafile yakhe kumsitkhetheke kwacaca kumsitho obubanjelwe kwihotele i-ICC eMonti ngokuhlwa kwangoLwesihlanu.

Ngethuba bengena esangweni, inkosikazi ubungayifuniseli…ubuyiva ngevumba lesiqholo sayo, ube sele ubona isuti yesoka, uqonde ukuba lo asingomsitho wabantu abasakhangelana neqhosha elingenantunja emnyameni.

Bengena nje esangweni ububona ukuba bachakwe ngekolo yobufuma bemali yomsitho olungele bona ngqo: abantu abafuthelwe yimali yeemali. 

Ukusuka kubantu beebhiliyoni zeerandi abafana nooPatrice Motsepe ukuya koosomashishini abasaqingqayo, ubunokubona ukuba lo ngumsitho apho kusindwe ngemali yeemali ngenyaniso. 

Oku kungenxa yokuba isitulo nje esinye besiqala kumawaka amahlanu eerandi (R5 000).

Ukuba ufuna ukuhlala kwitafile enoMphathiswa okanye uSekela Mphathiswa ubuhlawula amawaka alishumi eerandi (R10 000), isitulo ngasinye.

Lowo unepokotho evumayo, futhi ezimisele ukulawula obu busuku, ubuhlawula imali engange-R250 000 kwibakala lePlatinum Package kwitafile enye jwii ezakuhlala enye yeenkokeli zeANC ezikwisithandathu eziphezulu (Top 6), ze uzikhethele abantu abasibhozo kwanesitatanyiswa esiviwa nguye, bahlale kulo tafile.Kwibakala leGold Package, indoda okanye intombi ezivayo ibihlawula i-R200 000 ze izikhethele abantu abasibhozo kwanesitatanyiswa esiviwa yiyo kwitafile enye jwii ezakuhlala uMphathiswa okanye iNkulumbuso.

Kwibakala leSilver, ubuhlawula i-R100 000 ze uzikhethele abantu abazibhozo kwanesitatanyiswa esiviwa nguwe kwitafile enye jwii ehlale uSekela Mphathiswa kazwelonke okanye uMphathiswa wephondo. Kwibakala leBronze Package, ubuhlawula i-R50 000 kwitafile enye jwii ze uzikhethele abantu abasibhozo kwanezitatanyiswa ezibini.

UMongameli weANC uCyril Ramaphosa uthe wenza intetho ethe qabavu phakathi kulo msitho ubuzinyaswe zizitatanyiswa zabantu bento.

 Kumfanekiso obumnyama-bumhlophe nguPatrice Motsepe kwitafile yoonokutsho 

itafile yabantu bento kumsitho kwintetho yesidlo sikaMongameli weANC uCyril Ramaphosa e-ICC eMonti

Iimvumi zaseMdantsane zitsholoza kumsitho wesidlo sangokuhlwa e-ICC eMonti ngoLwe