Asikakhululeki gqibelele umhlaba ungekabuyi!

UTshawe wadala ubukumkani bendlu yamaTshawe, wayikumkani yokuqala eKoloni (MONARCH) njengazo zonke iikumkani zehlabathi.

Ukusukela kuyise uNkosiyamntu ukuya kuXhosa bona babeziinkosi hayi iikumkani. Ingubo kaTshawe yohluka kubini enye yombathwa nguSikhomo enye yombathwa nguNgcwangu.

Indlu yamaMpondo kaFaku, abaThembu bakaDalindyebo noMathanzima eRhode kwiNtshona yeThembuland abaphumi kumlibo kaNgcwangu, kaSikhomo okanye kaXhosa, bona babe ziintloko ezimele imilibo yeminombo yabo bephantsi kolawulo lukaTshawe, babe ngezokumkani koko babe ziinkosi bonke bephantsi kobukumkani bamaTshawe, banyuselwa ngamakoloniyali bazi (PARAMOUNT CHIEFS) gama elo lathoba lisanyelisa ubukumkani bamaTshawe jikelele eAfrika ngoba ikumkani zaphesheya zona zisezikumkani ngokupheleleyo (Monarchies).

Zona iimfazwe abathi bazilwile kamva benyemfulela amakoloniyali zazibangwa luqhawulomtshato lwabo kuba abajikele ngomhlaba ababanika ngelo xesha ingengowabo bewoxutha kumaTshawe.

Le nto iyaxaka kuba ezi zindlu zibanga obu bukumkani eMpuma Koloni zizindlu zomlibo wendlu kaTshaka kaSenzangakhona ziyayazi lo nto kodwa ziyayibaleka.

Ezinye, imvelaphi yazo ibhida nazo ubuqu, ziphela zingathethi nto inye kuba imvelaphi yazo ayihlangani. Nangoku abanye basakhala bebanga imihlaba engeyoyabo, engafanelanga nokuba ibe phantsi kolawulo lwabo.

Ubungqina bokuba babe ngezokumkani nangoku kwiindawo abakuzo bangqongwe ngamangcwaba eenkosi neekumkani zendlu kaTshawe.

Isiqalo samaKoloniyali saqala kanye kule ndawo ukudubaduba ubukhosi bamaTshawe. Aqala kweli leKoloni ngokuguqula igama elithi uMhlaba kaXhosa (Xhosaland) bathi lilizwe likaXhosa (Xhosa state)? andikho apho.

AmaXhosa afike ehamba noyise uNguni phambi ko1400, uXhosa unyana omkhulu kaNguni yena emi eMzimkhulu.

Ngo1652 ngexesha lolawulo lukaNgcwangu imikhosi yakhe yayisihla inyuka isingise phantsi kweNtaba kaZixheshe (Table Mountain) iyokujonga ukuba uJan Van Riebieck namadoda akhe ayengamashumi alithoba ayezama ukwenza ntoni kwimida yakhe.

Umhlaba kaTshawe onguyise kaNgcwangu ubuqala eMzimkhulu ugudle iintaba zoKhahlamba /Drankensberg uwele iFish River ugudle ulwandle iIndian Ocean unqandwe yiNtaba kaZixheshe.

AmaKoloniyali adudula abantu abantsundu ukusuka phantsi kweNtaba kaZixheshe azokuwamisa phesheya kweKuilsriver, kuye kwabonakala ukuba imfuyo yabo iyanda yaye amakoloniyali ayibona njengesiphazamiso kuba yayisela kwakulo mlambo.

Baphinda babadudula ukusuka phesheya kweKuilsriver, ukudlula iStellenbosch ukuya ePaarl de bayokubathi finini ngeneno komlambo iFish River sele kutshayinta amaNgesi phambili, into eyayisemqoka kwesi sizwe simhlophe yayikukubawa, ubusela, inkohlakalo, urhwaphilizo, ukonyanya nokuthiya inkolo yesintu, amasiko nezithethe zamaXhosa.

Babekwiphulo lokumaketha/ukuthengisa impucuko equlathe amasiko nezithethe zabo ukulahlekisa inkolo yethu nokuchithachitha ubumi bobukumkani nobukhosi bamaTshawe.

Ekuqqibeleni baphela bezimisa bona njengeenkosi zabantu abantsundu, besebenzisana nezaankosi bazimisa ngokwabo.

AmaKoloniyali namaAfrikana ngexesha labo babekwiphulo lokuba ababhali abamhlophe bembali yesizwe esintsundu, mabaphakamise ubunganga babo noloyiso lwabo noncedo abalwenzayo ukuphumelelisa iikumkani ezamiswa ngabo kweli, becima le ndlu kaNgcwangu kaTshawe nobukumkani bayo.

Nangoku xa bethetha banayo le ndawo bayinyathelisayo yokuba amaKhoi afika kuqala ngo1400, kuba bengcwaba le yokuba uXhosa yena wafika phambi ko1400.

Loo ntetho ikhombisa ukuba ngenene abazange babone mntu koko babona izinto ezinjengeemfene neenkawu kuphela hayi umntu. AmaKhoisan wona ebengachaswanga ziiNkosi neeKumkani zamaXhosa de kwendiselwana apho kwavela uChwama kaHintsati iNkosi yamaKhoisan, ongumtshana kaGando unyana kaNgconde, nomama kaNtinde kaNgconde kumaTshatshu kaXhosa ekuthiwa ngamaTshatshu eeNkosi xa esohlulwa kwamanye amaTshatshu ezinye izizwe ebezikhonza kwindlu kaTshawe.

Ngoku lixesha lokwakha isizwe okutsha amaAfrikana namaNgesi asakholelwa kulaa nkqubo yookhokho babo mabazame ukusebenzisana nabantu abantsundu bamkele ukuba bayinxalenye yoMzantsi Afrika nabo bangasebenzisi iintetho/slogan ezifana noo”Fight Back” kuba zivuselela amanxeba awadalwa ngookhokho babo.

Umhlaba neziqulatho zawo owoxuthwa ngookhokho babo kwiiKumkani zethu ngo1600 basazixhamla nangoku, lithuba lokuba makulungiswe wonke umonakalo owadalwa ngabo beshiya isizwe esintsundu sixhwalekile ngemiphefumlo, ngengqondo, sasala siziimpula zikalujaca.

USomandla wasobela iAfrika yaye akukho nombhali namphandi ontsundu nomhlophe onokuzama ukuyidukisa lo mbali.

Thina besiNtu namasiko nenkolo yokoyika uMdali nokuhlonipha imimoya yabalala ukuthula akuzange kube nzima ukubaxolela abantu abamhlophe, umbuzo uthi ingaba basixolela na bona xa kusekho islogan esithi “Fight back”? kwimibutho yabamhlophe.

Xa kunamhlanje ngo2019 kuqhawuka kuhlangana intsusa lunikezelo lomhlaba ebantwini bawo isizwe samaAfrikana sixabile endleleni kangangokuba sixolele ukuba sizimele ilizwana laso kwilizwe loMzantsi Afrika elikhululekileyo nabo beyinxalenye yale nkululeko.

Umhlaba wawuthathwa kwiikumkani, iintlola zamakomkhulu/noRhulumente waphesheya zazifikela komkhulu kulo kumkani iphetheyo ibeyiyo ebanika ilungelo lokuqhuba lo mishini yayo kubantu bayo.

Umhlaba awuzange uthathwe kumntu nje okanye kubantu belali, bekunqolotywa iikumkani uthathwe kuzo kuba zizo ebezilawula zikhokela abantu bazo.

AmaAfrikana akanalo ubango noluncinci lomhlaba hayi kweli leMpuma Koloni nje, koko kwiAfrika iphela. Namhlanje sizimpula zikalujaca, uqoqosho nezimbiwa, imihlaba ingakubo thina sisezingxondorheni bambi singabakhongozeli kubo.

Basikholonayiza neengqondo ezi kuba xa kuthiwa makubuyelwe embo abanye abantu bacinga ukuba kuthiwa masibuyele kwizibheshu singanxibi, kwinkolo yokunuka abantu babulawe, kwizindlu zakudala oongquphantsi, makungafundwa, makuhanjwe ngamahashi kanti akunjalo mzi ontsundu kaNguni, okubalulekileyo kukugcina ubuAfrika bethu.

Kwinkululeko nempucuko yaseNtshona masikhethe okuza kusishiya singamaAfrika singacinezeli silahle imveli nenkolo yookhokho bethu, masihlale sinebhongo neqhayiya ngobuzwe bethu.

Ukudelela nokujongela phantsi iinkolo, amasiko nezithethe zookhokho bethu kuko okudala ingqumbo enkulu kubo nabazizinyanya zeli lizwe, noQamata onguMdali wezulu nomhlaba kungoko namhlanje kunje.

Camagu!!!